UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo wabaThembu, uKumkani uZwelozuko wamaMpondomise, uKumkani Ndlovuyezwe wamaMpondo aseNyandeni badibene noKumkani uSilosohlanga kaDakhile kaSigcau.
Image: Facebook
UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo wabaThembu, uKumkani uZwelozuko wamaMpondomise, uKumkani uNdlovuyezwe wamaMpondo aseNyandeni kwakunye nosokhaya uKumkani uSilosohlanga kaDakhile kaSigcau badibene kwikomkhulu lamaMpondo eHewu eSiphaqeni.
Ezi Kumkani zidibana ngomcimbi ongekacaci okwangoku, kodwa oonokrawuzana bayakuthetha ukuba zijonge ukuxhasana nokumanyana kwezizwe zabo.
AmaMpondo namaMpondomise sisizwe esinye esiphuma kuKumkani uNjanya owazala la mawele ukuze kubekho ezi zizwe.
Ngoko ke ukudibana kukaKumkani uZwelozuko noKumkani uSilosohlanga yimbali enomzila omde ukusukela ngeminyaka yoo1400. UGqirha Ntsizakalo Ngalo oligosa eliphezulu kwikomkhulu likaKumkani uSilosohlanga kaDakhile uthi bazimisele ukuqinisa amaqhina nezinye iiKumkani.
"Okusalayo ezi ziiKumkani zize kwenye iKumkani, abo basichasayo ngebelumkela umsindo ozayo, kaloku iiKumkani zethu azihlonitshwa tu kweli phondo leMpuma Koloni," kutsho uGqirha Ngalo.
UGqirha Ngalo unembali ecacileyo yokusebenza noyise kaKumkani uSilosohlanga kaDakhile, uKumkani uZanozuko Sigcau. Ngeenzame zeDr Ntsizakalo Ngalo Foundation usebenze nzima ekhusela ubuKumkani bamaMpondo kwangexesha likaKumkani uZanozuko.
Ukanti imbali yesizwe samaMpondo nabaThembu isuka kude ngexesha likaKumkani uFaku kwakunye noKumkani uNgubengcuka. AmaMpondo anikise ngentombi yawo uNonesi ongudade boNdamase ukuba ayekuba yinkosikazi enkulu kaKumkani uNgubengcuka.
Ethetha ngolu tyelelo kwiveki ephelileyo othethe egameni lobuKumkani bamaMpondo, uNkosi Leslie Sigcau wathi. "IHewu likomkhulu apho kwazalelwa khona uKumkani uMarhelane, onguyise mkhulu wale Kumkani ikhoyo ngoku emaMpondweni," utshilo uSigcau.