UKumkani Buyelekhaya Dalindyebo noKumkani uSilosohlanga kaDakhile.
Image: Uthunyelwe
UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo wesizwe sabaThembu uza kutyelela iKumkani yamaMpondo uKumkani uSilosohlanga kaDakhile kwikhomkhulu laseHewu eSiphaqeni. IHewu likomkhulu lokuzalwa kukaKumkani uMarhelane wamaMpondo.
Othethe egameni lobuKumkani bamaMpondo, uNkosi uLeslie Sigcau ucacisa banzi ngotyelelo leKumkani yabaThembu kwikomkhulu lamaMpondo.
"Isikhokelo samaMpondo phantsi kweKumkani uSilosohlanga kaDakhile siza kuhanjelwa yiKumkani yesizwe sabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo eqhubela phambili isiko elidala lokuhambela kweKumkani," ucacise watsho uLeslie Sigcau.
UKumkani uFaku ozala isizwe samaMpondo nguye owaqala amaqhina acacileyo okusebenzisana kwakunye nesizwe sabaThembu ngexesha likaKumkani uNgubengcuka wabaThembu.
"Kwixesha apho kuye kwakhothama uKumkani uZanozuko Sigcau onguyise wale Kumkani ikhoyo ngoku emaMpondweni, uKumkani uBuyelekhaya yenye yeeKumkani zokuqala ukutyelela usapho nesizwe samaMpondo," kutsho uSigcau.
Uhambisa athi okwangoku iseyimfihlo eyona nto iza kuxoxwa zezi Kumkani, kodwa iyaziwa imicimbi ephambili ingakumbi kwisizwe samaMpondo.
"Siyacingela ukuba utyelelo likaKumkani uDalindyebo kuhambelana nokwakha ezi zizwe zozibini, nokwakha ubudlelwane obuqinileyo phakathi kwezi zizwe zozibini, inkxaso yakhe kwidabi lokubekwa kweKumkani yamaMpondo ngokusesikweni," kutsho uSigcau.
Oku kwenzeka nangona kukho icala elingavumiyo ukuba uSilosohlanga kaDakhile yiKumkani efanelekileyo emaMpondweni.