Iinkqubo zokuhlangula abasebenzi basemgodini abangamakhulu amathathu abavaleleke eSibanye Stillwater zisaqhuba.
Image: Itumeleng English
ISibanye Stillwater ithi ziyaqhubeka iinzame zokuhlangula abasebenzi mgodini abamalunga namakhulu amathathu abavaleleke ngaphantsi kumgodi wegolide waseKloof eWestonaria, eGauteng.
Esi sehlo kuthiwa senzeke kwelinye icala lomgodi ekuthiwa yiKloof 7 xa intshukumo yelitye ikhokelele ekuvalelekeni komgodi nabasebenzi mgodini bavaleleka. Ngaphandle kweemeko ezinxunguphalisayo, abaphathi bomgodi banike ingxelo yokuba abasebenzi mgodini bakhuselekile kwaye babonelelwa ngezinto eziyimfuneko.
Ethetha neSABC ngaphandle kwalo mgodi, uDuncan Luvuno ophuma kwiNational Union of Mineworkers (NUM) uthi esi sehlo senzeke ngoLwesine kwaye kutyholwa ukuba abaphathi bomgodi bazamile ukuwufihla lo mba.
"Siye sachazelwa, kwaye saxelelwa ukuba ukutya kuthunyelwa ngaphantsi komhlaba kwaye kufikelela kubasebenzi. Ngethamsanqa, akukho bantu ababhubhileyo okanye ukwenzakala phakathi kwamalungu ethu," utshilo.
Malunga nabasebenzi abanezigulo, uLuvuno uthe baqinisekisiwe ukuba oogqirha bakhona ukuze basabele zonke iimeko zikaxakeka, kwaye maninzi amayeza aza kuthunyelwa phantsi komhlaba.
"Kodwa akwanelisi ukuxelelwa ukuba kwiiyure ezingama24 ezidlulileyo abantu bebengatyi kwaye bengaseli nto. Akulunganga, kodwa sithe njengeNUM eyethu kukuqinisekisa ukuba abasebenzi bakhuselekile, yeyona nto iphambili kuthi leyo. Eminye imiba iya kulungiswa, siza kwenza konke okusemandleni ethu," utshilo.
Elinye ilungu losapho lixelele iSABC ukuba abakafumani nxibelelwano luvela kubantu basemgodini kwaye bathintelwe ukuba bangene kule ndawo.
"Ngokuva kwam, abanye abantu bebelapha ukusukela ngentsimbi yesihlanu ekuseni, kodwa bendingaphandle iyure yonke, kwaye andikaboni nto. Sivele sigcine amathemba ethu ephila xa sibona iibhasi zingena sicinge ukuba mhlawumbi abantu bethu bahlangulwe kodwa asibonanga mntu uhlangulweyo," litshilo eli lungu losapho.