Indoda, 40, ivele enkundleni ngetyala lokudlwengula ixhegokazi, 91.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Indoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala ivele kwinkundla yamatyala eNkomazi ngoLwesine nalapho ijongene netyala lokudlwengula ixhegokazi elinamashumi asithoba ananye (91) eminyaka ubudala.
Lo wasetyhini kutyholwa ukuba udlwengulwe ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe eDriekoppies kufutshane naseSchoemansdal, eMpumalanga.
Isithethi samapolisa ephondweni, uLieutenant Colonel Jabu Ndubane, uthi ngale mini, ixhoba lalisendlini libukele umabonakude nentombi yalo.
"Le ntombi kuthiwa iye yemka isiya ecaweni ngentsimbi yethoba ebusuku kwaye yaqinisekisa ukuba zonke iingcango zitshixiwe. Ngezithuba zentsimbi yeshumi ebusuku, ngelixa ixhoba lalihleli ebhedini yalo lisela amayeza, kwangena indoda kwigumbi layo lokulala iphethe imela.
"Wambona ukuba ngunyana kammelwane. Uthe xa ezama ukuthetha naye wamtyhalela ebhedini wamyalela ukuba athule emgrogrisa ngemela. Umrhanelwa emva koko utyholwa ngokumdlwengula waze waphuma ngefestile kwindawo yexhwayelo," ucacise watsho uNdubane.
UNdubane wongeze ngelithi xa intombi ibuyela ekhaya ngobo busuku, ixhoba layixelela ngesi sihelegu.
"Ekuhloleni indlu, intombi yafumanisa ukuba ifestile yegumbi lokuhlala ivulwe ngenkani, nto leyo ebonisa indlela umrhanelwa angene ngayo. Ixhoba liye lasiwa esibhedlele ukuze lifumane unyango," wongeze watsho uNdubane.
Lo mba uphantsi kophando ngamalungu ecandelo leFamily Violence, Child Protection and Sexual Offences.
Le ndoda kulindeleke ukuba ibuyele enkundleni ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuCanzibe.