Amapolisa asezithendeni zabo barhanelwa ngokubulala isibini saseLusikisiki, eMpuma Koloni.
Image: SAPS
Amapolisa akhangela abenzi bobubi ababini abangaziwayo ababulale isibini esineminyaka engama39 nama41 ubudala esisebenza kwisibhedlele iSt Elizabeth, esi sibini sibulewe kwikhaya laso eDick, eLusikisiki ngobusuku bangoLwesithathu.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uSiphokazi Mawisa, umyeni uye wafika ngesithuthi sakhe apho athe wakhonjwa ngompu ngamadoda amabini angxibe ibalaklava.
"Kutyholwa ukuba la madoda mabini angaziwayo ebekhangela inkosikazi yakhe baya kunye endlini nomyeni. Bathe bakufika endlini bacela inkosikazi nalapho ithe yavela kwigumbi lokulala baqalisa ukudubula baze badubula nomyeni," kutsho uMawisa.
Esi sibini sibhubhele kwindawo yexhwayelo kwaye owasetyhini oqeshelwe ukuncedisa endlini ushiyeke engenawo nomkrwelo.
Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala kwaye kubongozwa nabani na onokuba nolwazi ngesi sehlo ukuba atsalele umnxeba iNtloko yabecuphi baseLusikisiki uLieutenant Colonel Siyabulela Kufa kule nombolo 082 302 5118 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele nasiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.
Kusenjalo, kwingxelo ekhutshwe liSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, iqinisekise ukuba esi sibini ngabasebenzi besibhedlele iSt Elizabeth – umongikazi nosekela mlawuli.
Isithethi seli Sebe, uSizwe Kupelo, uthe esi sisiganeko sesibini esibandakanya abasebenzi bezempilo ababulewe ngokungenalusini kwisithuba esingaphantsi kweveki. "Ekuqaleni kweveki, umsebenzi weambulensi oneminyaka engama56 udutyulwa emva nje kokuphuma emsebenzini eJansenville," utshilo uKupelo.
UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa uthe: "Egameni leSebe lezeMpilo lilonke, sinqwenelela iintsapho nabahlobo babo inkalipho noxolo ngeli xesha linzima. Aba basebenzi basweleke ngexesha ilizwe lithembele kakhulu kwizakhono zabo njengabasebenzi abaqeqeshiweyo abebekhonza abemi babo ngokuzimisela nangentembeko."