Iindaba

Odume ngokubulala ubanjwe ngamapolisa akuTsolo

Cwayita Nondula|Published

Umrhanelwa, 20, uza kuvela kwinkundla kamantyi wakuTsolo ngamatyala obundlobongela ohlukeneyo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala, nobefunelwa amatyala obundlobongela aquka amatyala amaninzi okubulala, ukuzama ukubulala, nokuqhekeza izindlu, ubanjwe ngoMvulo we19 kuCanzibe 2025 ngorhatya kuTsolo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, ngethuba ebanjwa umrhanelwa ufunyenwe enompu ongenampepha nenombolo yesiriyali ecinyiweyo nangona kungafunyanwanga zimbumbulu.

"Uyayanyaniswa neziganeko zokubulala ezine ubuncinane, ityala elinye lokuzama ukubulala, kunye nokuqhekeza kwezindlu ezibini, ezi ziganeko zenzeke kuTsolo phakathi kukaTshazimpuzi noCanzibe ka2025," utshilo uMatyolo.

UMatyilo ungqinile ukuba umrhanelwa uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yakuTsolo ngoLwesithathu umhla we21 kuCanzibe 2025, ejongene nezityholo ezongezelelweyo zokuba nompu ongekho mthethweni. Umpu ofunyenweyo uya kuvavanywa ukuze kubonwe ukuba awukhange usetyenziswe ukwenza olunye ulwaphulomthetho kusini na.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amapolisa akuTsolo ngokuzinikela okungagungqiyo kunye nokubambelela kumgaqo wokuziphatha wawo ekulweni ulwaphulomthetho. "Iinzame zabo ezingapheliyo ziqinisekisa ukuba abenzi bobubi bajongana nengalo yomthetho," utshilo.