Iindaba

Zifunyenwe iimveku ebezibiwe kwisibhedlele saseGqeberha!

Zenande Maqubela|Published

Zifunyenwe iimveku ezimbini ebezibiwe ewadini kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha.

Image: Pexels

Kubanjwe abasetyhini ababini emva kokwebiwa kweentsana ezimbini ngobusuku bangoLwesibini, kwisibhedlele iDora Nginza, eGqeberha.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse van Rensburg, ngethuba elinye lamapolisa liphuma kwesi sibhedlele, liqaphele ababini basetyhini nabebephethe iintsana. Eli polisa liqonde ngqo kwesi sibini, nalapho emva kokuba behlahlatywe ngemibuzo, kuye kwafunyaniswa ukuba ngokwenene zintsana ezibiwe kwesi sibhedlele ezi baziphetheyo. 

Kwingxelo ebikhutshwe ngamapolisa ngaphambili,umama wenye yezi ntsana, ushiye usana lwakhe kwiwadi ekwicandelo leentsana ezibelekwe phambi kwexesha (Premature Unit), emva kokuluncancisa ibele phambi kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.Uthe xa ebuya emva kwecala lentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, ukuza kuncancisa kwakhona usana lwakhe, wafumanisa ukuba lunyamalele.

Ukanti umama wolunye usana yena nofike kamva, naye ufike usana lwakhe lunyamalele kule wadi.Usana lokuqala luneentsuku ezine luzelwe, ukanti olwesibini lona luneentsuku ezimbini kuphela luzelwe.

UMkomishinala obambeleyo eNelson Mandela Bay, uBrigadier Loyiso Ngalo uncome ukuzinikela kweqela lamapolisa ebeliphanda elityala, ukusukela oko lithe labikwa emapoliseni.

"Sibulela ukuba abantwana bethe bafunyanwa, kwaye beza kubuyiselwa koomama babo," utshilo uBrigadier Ngalo.

Aba basetyhini, nabaphakathi kweminyaka enga-25 nama-26 baza kuvela kwiNkundla kaMantyi eNew Brighton kule veki.