Iindaba

Abantwana baseMpuma Koloni baza kumela ilizwe labo ePhilippines!

Pedro Mapelo|Published

Abantwana baseMpuma Koloni bantingela ePhilippines apho baza kuthatha inxaxheba kukhuphiswano loonobuhle

Image: Uthunyelwe

Ngabantwana abane abaphuma kwiphondo leMpuma Koloni abaza kuphephezelisa phezulu ifulegi yoMzantsi Afrika xa bekuphisana nabanye abaphuma kwezinye izizwe. UKungawo Mpini, Aviwe Gqokoma, Inganathi Mngqola noElokhanyo Bangani baza kuntingela kwilizwe lasePhilippines - apho baza kuthatha khona inxaxheba koonobuhle neentanga zabo eziphuma kwezinye izizwe.

Esi sibhengezo senziwe ngumququzeleli oyintloko weKungawo Mpini Foundation, uAsanda Mpini. Bonke abantwana abahambayo ngoLwesine bagqwese kwiziqendu zoonobuhle ezahlukeneyo apha eMzantsi Afrika.

Ukuya kwabo phesheya lilinge labo lokugqamisa iitalente zabo nokuphakamisa uMzantsi Afrika oyenye yeendawo eziphambili kwicala lokucondoba emva kokukhupha unobuhle wehlabathi kwiminyaka egqithileyo, uZozibini Tunzi.

Ukhuphiswano abaya kulo ekuthiwa yiManila Philippines luza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesithathu luyokutsho ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga kaCanzibe, 2025. Ngokutsho kukaMpini weKungawo Foundation, amalungiselelo ohambo lwabo akalulanga konke konke ngenxa yamaxabiso aphezulu amatikitiki eenqwelomoya eziya ePhilippines.

Uthe kunzima kwabanye abazali ngoba yonke into ijonge bona emakhayeni wabo - kodwa okuhle kukuba bazamile ukuqokelela ukuze abantwana bayokuzalisekisa amaphupha wabo kwiqonga lehlabathi. Ethetha neli phephandaba phambi kokunduluka kwabo, uMpini uthe abantwana bakhe baza kulwela ukubuya nempumelelo.

"Sihamba sizithembile. Thina asihambeli lize ngoba sibeka uThixo phambili," utshilo uMpini echwayitile. "Into esengumqobo ziindleko zokuhamba eziphezulu kakhulu. Banayo imali abazali - kodwa ayanelanga.

"Sizamile ukucela inkxaso koomasipala kodwa asifumananga nto ngoba bathi abanayo imali. Ezinye izinto zizamekile, ngaphandle nje kokubiza kakhulu kwamatikiti eenqwelomoya. Isithsaba sona siza eMzantsi Afrika. Aba endihamba nabo abantwana ndibathembile kakhulu," utshilo uMpini.