Kubanjwe owasetyhini nosolwa ngokubandakanyeka kwityala lokubhubha komntwana wakhe oneminyaka emithathu ubudala.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Kubanjwe kwavalelwa owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32), ngesityholo sokubandakanyeka ekubhubheni kwentwazana yakhe eneminyaka emithathu (3) ubudala, eMzamba.
Ngokwengexelo yamapolisa ekhutshwe nguWarrant Officer Majola Nkohli, kutyholwa ngelithi umrhanelwa uthe wafaka umzimba ongasekhoyo womntwana wakhe etyesini, wakhwela isithuthi sikawonkewonke. Ityesi le ibinomzimba wale ntwanazana uhambe nayo umgama ongangeekhilomitha ezingamashumi amathathu (30km), ukusuka eMzamba ukuya kwisikhululo samapolisa aseMbizana, nalapho athe akufika khona nale tyesi wabika esi sehlo sokubhubha kwale ntwazana.
Ukanti ngokwamaxhwebhu amapolisa, umrhanelwa ushiye intwazana eneminyaka emithathu yodwa ekhayeni lakhe eMzamba, ngeCawa, umhla we18 kule nyanga, ngethuba etyelela isinqandamathe sakhe.
Uthe xa ebuya ngosuku olulandelayo, uthi umfumene umntwana wakhe engasaphefumli, kufutshane nomnyango. Ukanti, endaweni yokuba umrhanelwa akhangele uncedo olukhawulezileyo lonyango okanye amapolisa, kutyholwa ngelithi uye wafihla umzimba wale ntwana kule tyesi, ze wahamba nawo ukusingisa eMbizana.
Umrhanelwa uye wabanjwa emva kokunikezela ngale tyesi inomzimba kwisikhululo samapolisa aseMbizana.
Kulindeleke ukuba umrhanelwa avele phambi kweNkundla kaMantyi eMbizana, ngoLwesithathu, umhla we21 kule nyanga kaCanzibe, nalapho aza kujongana namatyala aquka elokubulala ngokungenanjongo, ukungahoyi umntwana, nokuphazamisana nomthetho.