UPaul Mashatile useFrance ngeenjongo zokuqinisa ubudlelwane borhwebo phakathi koMzantsi Afrika neFrance.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
USekela Mongameli weli uPaul Mashatile utyelele ilizwe laseFrance esiya kuba yinxalenye yenkomfa engotyalo mali phakathi kwala mazwe mabini.
UMashatile utyelela ela lizwe logama uMongameli weli yena uCyril Ramaphosa eseMelika ukuya kucenga amaqhina entsebenziswano kurhwebo noshishino norhulumente waseMelika.
UMashatile ukwikomkhulu laseFrance eParis ephelekwa ngamagosa aphezulu kurhulumente welizwe loMzantsi Afrika. Ilizwe laseFrance lihleli kwindawo yeshumi elinesine kuluhlu lwamazwe arhwebelana nelizwe loMzantsi Afrika.
"Kubalulekile ukuba namanye amazwe afana nelizwe laseFrance sihlale sinentsebenziswano kwimicimbi yezoshishino norhwebo, ngoko ke silapha ukuza kuqinisa loo maqhina," ucacise watsho uMashatile.
Iinkampani zelizwe laseFrance ezikweli ziquka iRenault kwakunye nenkampani yakwaPeugeot nezinye ezincinane eziqhuba ushishino kweli.
Ngonyaka ka1976 ilizwe laseFrance ladlala indima enkulu ngokwakha iziko leNyukliya kweli eKoeberg eKapa emva kokucelwa ngurhulumente owayephethe kweli ngelo xesha.
Nangona lalibonwa njengelizwe elihambiselana norhulumente wobandlululo kweli, ilizwe laseFrance labugcina ubudlelwane balo noMzantsi Afrika.
UMashatile uthi akhona amazwe amakhulu kwihlabathi abanobudlelwane obuhle nawo afana nelizwe laseChina, kodwa badinga amacebo okwandisa ubudlelwane babo namanye amazwe.
Iinkampani eziquka inkampani yamafutha uTotal kwakunye nenkampani esebenza ngonxibelelwano ngengcingo uAlcatel zezinye zeenkampani eziphuma kwilizwe laseFrance ezikweli loMzantsi Afrika.
Inkampani yakwaAlcatel idlale indima enkulu kushishino, ezemfundo nakwezempilo kweli loMzantsi Afrika ikwadala amathuba emisebenzi kuluntu leli.