Iindaba

UMphathiswa uSteenhuisen uncedisa uRamaphosa eMelika

Siyabulela Mqikela|Published

UMphathiswa wezoRhwebo eMzantsi Afrika uParks Tau, uMmeli wezoRhwebo waseMelika uJamieson Greer, kunye noMphathiswa wezoLimo uJohn Steenhuisen emva kweengxoxo ngemiba yorhwebo phakathi koMzantsi Afrika neMelika.

Image: John Steenhuisen/X

UMphathiswa weSebe lezoLimo kweli, uJohn Steenhuisen, usisinxadanxada eMelika ezama ukucenga abezorhwebo ngemveliso zolimo kwela lizwe ukuba bavul' iingcango zingene iimveliso zeli kwela lizwe. 

USteenhuisen uyinxalenye yabaphathiswa abapheleke uMongameli uCyril Ramaphosa okutyelelo lwaseburhulumenteni eMelika.

"Sibenentlanganiso ebeyimpumelelo namhlanje [ngoLwesibini] kwakunye negosa elijongene nemicimbi yorhwebelwano namazwe ehlabathi kurhulumente waseMelika," utsho uSteenhuisen. 

UMongameli uRamaphosa uxwaye emagxeni akhe uxanduva lokucenga urhulumente waseMelika ukuba anyenyise izigqibo zakhe eziquka ukupheliswa kwemali ebinceda abantu abagula sisifo sikagawulayo kweli nebisuka kumbutho iUSAID.

"Urhwebelwano lubaluleke kakhulu phakathi kwala mazwe mabini, uMzantsi Afrika kwakunye nelizwe laseMelika, kungoko sichitha ixesha lokuba sizo kudibanisa amehlo norhulumente waseMelika," kutsho uSteenhuisen.

Ukusukela oko kuphethe uMongameli uDonald Trump ilizwe laseMelika liphumeze imithetho engenalusini equka ukunyuswa kwerhafu kwimithwalo yezolimo ephuma kweli ingena kwilizwe laseMelika.

"Sizimisele ukusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba iimveliso zethu zolimo zingena kweli laseMelika ngaphandle kweengxaki, oko kuqulethe inzuzo yezoqoqosho kula mazwe omabini," uhambise watsho uSteenhuisen.

Uthi ukuqina korhwebelwano phakathi kweMelika noMzantsi Afrika kuthetha ukuba luyakhula uqoqosho ukuze kudaleke amathuba emisebenzi kuqeshwe uluntu.

Ngelizama ukulungisa iimpazamo zakhe, uMongameli welizwe laseMelika umbamba iindibano nooMongameli abaphuma kumazwe aquka uMzantsi Afrika, Canada namanye ukusukela oko kuqale le veki.