UNkosi uMfundo Mtirara ephelekwa yiNkosi yamaQwathi uNkosi Zweloxolo Stokwe. Ebethetha egameni leNdlu yeeNkosi zaseMpuma Koloni.
Image: Siyabulela Mqikela / I'solezwe lesiXhosa
Ethetha egameni leNdlu yeeNkosi zeMpuma Koloni, uNkosi Mfundo ‘Bhovulengwe’ Mtirara unyathele imicimbi eliqela edla umzi, kodwa wagxila kweyokuba abazifuni iiNkosi ezinxilayo ebukhosini.
UMtirara uthethe oku kwikhomkhulu likaNkosi Thandisizwe Mhlontlo ngethuba kungcwatywa le Nkosi kwakunye nomntakwayo uNkosi uNdabezintle Phandulwazi Mhlontlo kuMaqhashu eCacadu.
"Asifuni ziiNkosi zisela utywala apha siziNkosi, kuba ukunxila kweNkosi enye kuthwa iiNkosi ziyanxila – akuthethwa ngomntu omnye, sihlazeka sonke," kutsho uMtirara.
Ubongoze unyana weNkosi ekhothamileyo ukuba akakwazi kuyeka ukusela utywala ubukhosi buza kunikwa udade wabo okanye oodade beNkosi.
"Ukuba uzosela utywala, unike udade wenu okanye oodadobawo, sohlukene nokungathethi nyani, iNkosi xa inxilile akuthwa nguNkosi bani, kodwa kuthwa ziiNkosi," kutsho uMtirara.
Usebenzise eli thuba ekwancoma igalelo likaNkosi Phandulwazi Mhlontlo, esithi usebenzile. "Ukuya kwakhe kwiCOPE kukungakhathalelwa yiANC, ukuya kwakhe kwiMK Party kukungakhathalelwa kwakhe yiANC," utshilo uMtirara.
Ukwasebenzise eli thuba encoma igalelo leeNkosi eziquka uNkosi Mwelo Nonkonyana, Nkosi Phathekile Holomisa nezinye ngokusungulwa kweNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni.
Uthi makuhlalwe phantsi ukuze abantu babuyiselwe kwiANC, ukwakhuthaze ukuhlonitshwa kweeNkosi njengabasunguli nabanikazi bomzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika.
Nangona ebethethelela umbutho weANC, uMtirara uyithethe yacaca into yokuba abanakukunyamezela ukutyiwa kwemali ngamagosa karhulumente.