Iindaba

Kulindeleke imozulu ebandayo kule veki

Cwayita Nondula|Published

Inkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika iqikelela ukuba le veki iza kuqhaqhazelis’ amazinyo.

Image: iStock

Abantu boMzantsi Afrika bayalunyukiswa ukuba balungiselele imozulu eqhaqhazelis’ amazinyo kule veki nanjengoko kulindeleke ingqele ukusukela ngoMvulo kude kube ngoLwesihlanu.

Ngokwengxelo yeNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS), le ngqele, nebizwe ngokuba yicold front ngelasemzini, kulindeleke ukuba iqale ngomhla we19 kude kube ngumhla wama23 kuCanzibe 2025. Makhulu amathuba okuba kuphazamiseke imozulu epholileyo neshushu ebikho kwezi ntsuku zidlulileyo.

"NgoMvulo, umhla we19 kuCanzibe, ingqele iza kuhlasela iindawo ezisemzantsi ntshona weli lizwe, nto leyo ekhokelela kwiimeko zemozulu ezimanzi, ezibandayo, nomoya kwiindawo ezikwintshona yeNtshona Koloni. 

"NgoLwesibini, umhla wama20 kuCanzibe, le mozulu ikhankanywe ngasentla iza kunabela empuma, ichaphazele iSithili saseNamakwa eMntla Koloni naseMpuma Koloni," itshilo inkonzo yemozulu.

Oku kunokukhokelela ekubeni kune imvula.

"Imvula ethe gqolo ukuna ingakhokelela kwizikhukula kwimimandla, ingakumbi kwiindawo ezinemibhobho enolawulo olulambathayo lokuhamba kwamanzi kunye nemimandla esemazantsi. Imimoya ebhudla ngamandla esuka ngasentshona ukuya kumntla ntshona, enezantya zomoya phakathi kwama55 nama65 km/h, ilindeleke kulo lonke elaseNtshona Koloni, eMntla Koloni, naseMpuma Koloni," itshilo iSAWS.

Kuthiwa le mozulu imbi ingakhokelela ekonakaleni kweziseko ezingundoqo ekuhlaleni, ingancothula nemithi, yandise ixesha lokuhamba ezindleleni, iingxaki kwizithuthi ezinobude obuphakamileyo, ingakumbi koohola beendlela abadlula kumaphondo kwakunye nokuphazamiseka kombane.