Iindaba

Abantwana abane babhubhe kumlilo eGoli

Cwayita Nondula|Published

Abantwana abane babhubhe ngentsasa yangoMvulo ngenxa yomlilo ekutyholwa ukuba uqhambuke kwikhaya elisetyenziswa njengekhrishi eMayfair eGoli, emva nje kokuba isixhobo sokufudumeza siye salayitwa ukugcina abantwana befudumele.

Isithethi seJohannesburg EMS uRobert Mulaudzi uthe abantwana kukholelwa ukuba bangaphantsi kweminyaka emibini. "Ngelixa kuqhutywa umsebenzi wokukhangela nokuhlangula, imizimba emine yabantwana abancinci ukusuka kwiminyaka emibini ubudala nangaphantsi iye yafunyanwa. Ngelishwa, baye baqinisekiswa ukuba babhubhile. Kubonakala ngathi batsarhwe ngumsi ngexesha lesi sehlo somlilo.

"Unobangela wesehlo somlilo kukholeleka ukuba sisixhobo sokufudumeza esasisetyenziswe phambi kokuba kuqale umlilo," utshilo uMulaudzi.

Iingxelo zithi eli khaya nebelisetyenziswa njengekhrishi, beligcina abantwana abathandathu. Esi sehlo sibi sisube imiphefumlo yabantwana abane, logama umgcini wabantwana nabanye ababini abancinci baye basinda.

Uphando ngesi sehlo luyaqhuba.