Iindaba

iNPA iqinisekisa isigqibo sokungatshutshisi mntu kwityala likaCwecwe

Cwayita Nondula|Published

Akukho mntu uza kutshutshiswa kwityala laseMatatiele ngenxa yokungabikho kobungqina obaneleyo, iNPA isiqinisekisile esi sigqibo.

Image: Armand Hough / Independent Newspapers

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liqinisekise ukuba akukho mntu uza kutshutshiswa kwityala likaCwecwe ngenxa yokungabikho kobungqina obaneleyo bokutshutshisa ngempumelelo.

I-NPA ithi ngenyanga yeNkanga ka2024 idokethi letyala lanikezelwa kubatshutshisi kwinkundla kamantyi yaseMatatiele nakumphathi wetyala kwiziko iMatatiele Thuthuzela Care Centre eMpuma Koloni. Ithi idokethi laliqulethe iinkcukacha ezinezityholo zokuxhatshazwa ngokwesondo kwentombazana encinane.

"Abatshutshisi bajonga iinkcukacha kwaye bagqiba kwelokuba akukho bungqina obaneleyo botshutshiso oluyimpumelelo njengoko kungekho bungqina bubambekayo bokudlwengulwa okanye ukuxhatshazwa ngokwesondo okwafunyanwa emva kodliwanondlebe kunye novavanyo olwenziwe kwintombazana encinane.," itshilo iNPA.

I-NPA iqhube yathi kamva uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni (DPP) wafuna idokethi nalapho abatshutshisi kwiofisi yeDPP bawujonga kwakhona lo mba kwaye baqinisekisa isigqibo esenziwe ngabatshutshisi baseMatatiele.

"Esi sigqibo sachazelwa amapolisa awayengenise idokethi, laza [idokethi] labuyiselwa kuwo.

"Iofisi yeDPP ayizange ikhuphe ingxelo eluntwini malunga nesigqibo sabo ngelo xesha. Ukongeza, ukuba bebekwenzile oko bekuya kubeka esichengeni naluphi na uphando oluqhubekayo lwamapolisa," itshilo iNPA.

Ngethuba kukho imingcelele kwilizwe lonke ebimemelela ubulungisa malunga neli tyala ngenyanga kaTshazimpuzi ka2025, iNPA ithi yagqiba ekubeni yabelane ngesigqibo sabatshutshisi becandelo leMpuma Koloni.

"Singatsho kananjalo ukuba amapolisa alingenise kwakhona idokethi kwiofisi yeDPP ukuze iqwalaselwe ngakumbi," itshilo iNPA.