Iindaba

Uza kungcwatywa nomntakwabo uNkosi Thandisizwe Mhlontlo

Siyabulela Mqikela|Published

UNkosi uThandisizwe Mhlontlo noNkosi uNdabezintle Mhlontlo baza kungcwatywa ngoMgqibelo.

Image: Uthunyelwe

Emva kokuvakala kweendaba zokukhothama kukaNkosi uThandisizwe Mhlontlo wesizwe samaGcina kuMaqhashu eCacadu, esi sizwe sothuswe kukhothama komninawa wakhe uNkosi Ndabezintle Mhlontlo. 

Ngethuba lokuvakala kweendaba zokubhubha komkhuluwa wakhe, uNkosi Ndabezintle ebejijisana nokugula kwexeshana elincinci.

Ingxelo yekhaya lakwaMhlontlo iqinisekise ukuba aba nyana bakaNkosi Gwebindlala baza kubekwa kunye ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe kumangcwaba weli komkhulu kuMaqhashu eCacadu.

UNkosi uNdabezintle Mhlontlo ebeyintandane yeKumkani yabaThembu uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo ixesha elide lokuphila kwakhe.

Le Nkosi ibikwadlala indima yokuqokelela nokucebisa kusapho lamaGcina ngokubanzi njengenye yeeNkosi ezizolileyo nenesakhono kwimicimbi yakomkhulu. 

Encokola nephephandaba I'solezwe lesiXhosa ngaphambili, uNkosi Ndabezintle Mhlontlo wathembisa ukubuyisa isidima sendlu enkulu yamaGcina.

"UMpangele yindlu yethu enkulu ngoko sisebenza nzima ukuba kude kubekho umkhomba ndlela kula ndlu kuba sixhomekeke kuyo ngento yonke, sele kumbovu ukuba sibeke iNkosi kwaMpangele," watsho uMgcina omhle ngokuzola.

AmaGcina aqala ukuhlala kumhlaba waseCacadu ngamaxesha wooNkosi Stokwe kaNdlela wamaQwathi. UNkosi Zweloxolo Stokwe uthi bakhathazekile ngokukhothama koonyana bakaThandisizwe, uthi uNkosi uMpangele noNkosi Stokwe babebambisene ngamaxesha abo.

"Sisisizwe samaQwathi sivakalisa amazwi ovelwano kwesi sizwe sikaNkosi Mpangele, indala intsebenziswano phakathi kwezi zizwe zibini, awunakubalisa ngoMpangele ungathethi ngoStokwe kuba babevana kakhulu," kutsho uNkosi Stokwe.