Iindaba

Ungaphoswa lithuba lokuxhotyiswa kwi-AI

Zenande Maqubela|Published

Eastern Cape NPO Forum yandise ixesha kulutsha olunomnqweno wokufaka izicelo zokuba yinxalenye yokuzixhobisa kwisakhono seArtificial Intelligence (AI).

Image: Suriyo/stock.adobe.com

Umbutho ongenzi nzuzo eMpuma Koloni owaziwa ngeEastern Cape NPO Forum wandise ixesha kulutsha olunomnqweno wokufaka izicelo zokuba yinxalenye yokuzixhobisa kwisakhono seArtificial Intelligence (AI).

Ezi zicelo zivuleleke kwabo baminyaka ili18 ukuya kuma40 bangaphangeliyo. Eli thuba lokufaka izicelo kwakumele livalwe ngomhla we26. Kungoku nje eli thuba landisiwe ukuya kutsho ngomhla we19 kule nyanga kaCanzibe, ze uqeqesho luqalise ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo eyeSilimela. Ulutsha olunomdla luyakhuthazwa ukuba lithabathe eli thuba, lifake izicelo zalo phambi kokuba kufike umhla we19, ukuze lungaphoxeki.

Eli liphulo lendibaniswelwano yemibutho engenzi nzuzo kwiphondo leMpuma Koloni iphela.

"Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abantwana abantsundu abangathathi ntweni bayaxhotyiswa ngezakhono eziyimfuneko ngokumiselwa yinkqubela phambili yezobuchwepheshe yeli xesha," utshilo uSihlalo weli phulo uThobela Peter Phelusile.

Ukuze kufezekiswe eli phulo, yindibaniselwano neNetCampus kunye neMicrosoft eza kubonisa inyathelo leAI. Eli phulo lenzelwe ulutsha olungaphangeliyo kwiphondo leMpuma Koloni liphela, kuza kuthathwa amadoda nabasetyhini abali15 000.

Eli phulo lilungiselelwe abanoGrade 10 ubuncinane nabaneemfonomfono zala maxesha (Smartphone) okanye ikhompyutha, kwanolwazi lokusetyenziswa kwezi zixhobo. Iphulo eli liza kuqhuba iintsuku ezingamashumi amathathu (30), kwaye kuza kuhlohlwa kusetyenziswa i-intanethi, nalapho kuza kugxilwa kule mixholo ilandelayo:

  • Understanding Generative AI
  • The Evolution of Search Technologies
  • AI Best Practises: What You Need To Know
  • The Impact of AI Accessibility
  • Exploring Microsoft Copilot
  • An Overview of Cybersecurity in the AI

Ulutsha oluza kuthabatha inxaxheba, kulindeleke luzuze kweli phulo ulwazi olunzulu lweAI. Ukanti bakwazi ukuphuhlisa izakhono (practical skills) ekufundeni koomatshini kwaye bafunde kubahlohli abanamava kunye nobuchule kweli khono.

Baza kubanawo namathuba onxibelwano neengcali kunye nabaphandi, ukwenyusa amathuba abo okufumana ingqesho.

UNobhala weli qonga uNkululeko Mgwayi uhlabe ikhwelo kulutsha olunomdla wokuqonda banzi ngokusebenza kweAI ukuba lufake izicelo.

"Siyayiqonda ukuba ixesha lifutshane esithe saninika lona, kodwa sicela ulutsha lufake izicelo, ukuze silwe unqongophalo lwemisebenzi kulutsha," utshilo uMgwayi.

Abanomdla wokufaka izicelo, neziphelelwa ngoMvulo, umhla we19 kule nyanga bangatsalela umnxeba abaququzeleli beli phulo kweli phondo, uNkululeko Mgwayi ku068 005 5241, uPhumla Dibashe ku082 256 2661 kunye noPortia Mngadi ku073 308 0122.