Iindaba

UMfanasekhaya Gqobose (1913 - 2013)

Siyabulela Mqikela|Published

Ubawo uMfanasekhaya Gqobose.

Image: SAHO

UCanzibe yinyanga yokuqwalasela imbali eyodwa ngabantu baseAfrika nanjengoko umbutho wamazwe aseAfrika, iOrganisation of African Unity, wasungulwa ngale nyanga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu ngonyaka ka1963. Sikhangela impilo negalelo lelinye lamagqala omzabalazo wenkululeko yabantu boMzantsi Afrika phantsi kombutho wePAC, ubawo uMfanasekhaya Gqobose. 

Uninzi lwabantu abatsha baxelelwe ngabantu abathile abadlale indima ukulwela inkululeko logama kukho abathile abangakhange libaliswe ibali labo lokulwela inkululeko. 

Imbali ithi uGqobose wazelelwa kwiilali zakwaMdingi eQonce elilungu eliphambili kumbutho wolutsha lweANC ngalo maxesha, emva kwexesha wawushiya lo mbutho ezimanya nombutho wePAC. 

Ngaphandle kokuba wawushiyayo umbutho weANC, uGqobose waba yinxalenye yokusungulwa kombutho wePAC ekunye noNjingalwazi Mangaliso Sobukwe nabanye abaninzi. 

UGqobose ukhaliphe kwezopolitiko ngexesha ebengumfundi eLovedale College nalapho afumene ulwazi olumandla ngemeko yentlalo yabantu abamnyama ngo1935. 

Ukufunda iincwadi nemisebenzi yembongi uSEK Mqhayi kumvule amehlo ukuze aqonde kwaye aqaphele imeko yentlalo yabantu abamnyama.

Ngonyaka ka1941 wazimanya nomkhosi welizwe loMzantsi Afrika waza wasebenza kumazwe afana neJiphethe, Libya naseIthali phakathi konyaka ka1942 ukuya ku1946. 

Ushiye emkhosini ngonyaka ka1946 ekwinqanaba leKhoporali ngokwezikhundla zasemkhosini. Esi yayisesona sikhundla siphakamileyo umntu omnyama awayevumeleke ukuba angasifumana emkhosini ngelo xesha. Ngonyaka ka1946 njalo wazimanya nolutsha lweANC, sele efunde waba ngunontlalontle ngokwesikolo sakhe. 

Ngo1952, uGqobose ebesebenza kwibunga elijongene nabangaboniyo kweli ePitoli, iNational Council for the Blind. Ngo1960, uGqobose usebenze njengomququzeleli wePAC kwiphondo leMpuma Koloni nangona yayivalwe umlomo kanye ngaloo nyaka. 

Ngo1961, uGqobose ekunye noNyathi Pokela banikwa uxanduva lokuba basungule iqela lomkhosi wePAC iAzanian People's Liberation Army. Ngo1962, wanyanzeleka ukuba alishiye eli ngenxa yokuleqwa ngurhulumente wamabhulu waya kutshona eLesotho, apho wafika wonyulwa njengoNobhala Jikelele wePAC. 

Emva koko usebenze kumanqaba amaninzi ahlukeneyo kumbutho wePAC, kuquka neAPLA. UGqobose usebenze neezangxa zikaPoqo eziquka uNomvo Poqokazi Booi nabanye. Ngo2007, uMongameli uThabo Mbeki wamnika iwonga leOrder of Luthuli ngelizama ukuqaphela indima yakhe kwidabi lenkululeko.