UGqirha waseMonti uyalelwe yinkundla ukuba ahlawule isohlwayo esiqatha ngokungahlawuli irhafu.
Image: Nick Youngson
UGqirha waseMonti uKurunalingam Chetty, 54, ugwetywe ukuba ahlawule iR500 000 yinkundla yengingqi yaseMonti ngomhla we13 kuCanzibe ka2025 ngenxa yokwaphula umthetho werhafu iTax Evasion Act.
Isigwebo sikaChetty siza emva kokubanjwa kwakhe liqela leeHawks elizinze eMonti iSerious Commercial Crime Investigation lisebenzisana neeNkonzo zeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ngo2023.
Isithethi seeHawks uW/O Ndiphiwe Mhlakuvana uthi uChetty uvele enkundleni kwangolo suku lunye lokubanjwa kwakhe, nalapho wanikwa ibheyile yeR10 000.
"Phakathi konyaka ka2015 nowama2018, uChetty ngabom nangokungekho mthethweni akazange awuchaze umvuzo wakhe wokwenyani kwiSARS. Ke ngoko, ngexesha lophicotho-zincwadi, iSARS yafumanisa ukungangqinelani kweenkcukacha yaze yafaka isikhalazo kwiiHawks ukuze kuphandwe," utshilo uMhlakuvana.
Uphando lwaqinisekisa ukuba iSARS yagqumzwa imali engaphezulu kwesigidi seerandi (R1.8 million) kungoko wabanjwa.
UChetty uye wavela izihlandlo ezininzi ezinkundleni de wagwetywa yiNkundla yeNgingqi yaseMonti ngomhla we13 kuCanzibe ka2025. Ugwetywe iminyaka elishumi (10) entolongweni, yaxhonywa yonke iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba umtyholwa angafunyaniswa enetyala lobuqhophololo, ubusela, kunye nokungahlawuli irhafu ngexesha lokuxhonywa kweminyaka.
Ingxelo kaMhlakuvana iqhube yathi uChetty waphinda wagwetyelwa ukuhlawula isohlwayo seR500 000 kwaye xa engasibhatali, uza kuvalelwa entolongweni iminyaka emihlanu. Ukwayalelwe ukuba ahlawule kwangoko iR50 000, nalapho iR450 000 eseleyo kuza kufuneka ayihlawule kwisithuba seenyanga ezili18 ngezavenge ezingamaR25 000.