Kubanjwe abarhanelwa ababini malunga nesiganeko sokuxhwila eQonce.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
USiyabonga Sikwana (42) obanjelwe eMdantsane, eMonti, ngetyala lokuxhwila uvele kwinkundla kamantyi yaseQonce ngoMvulo wale veki nalapho ekhethe ukungasifaki isicelo sebheyile kwaye useluvalelweni lwamapolisa.
USikwana ngomnye wabarhanelwa ababini ababandakanyeka kweli tyala. Lowo atyholwa kunye naye uEmmanuel Magodla (30) uza kuphinda avele ngomhla we19 kuCanzibe 2025 ukuze afake isicelo sebheyile.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uW/O Ndiphiwe Mhlakuvana, kutyholwa ukuba ngomhla wama30 kweyoMqungu ka2025 ixhoba (27) lafika kwindawo yeshishini lalo ekwisitalato iBuffalo eQonce, nalapho laqutyulwa liqela labarhanelwa abangaziwayo nababexhobile balinyanzela ngenkani ukuba likhwele kwimoto emhlophe yohlobo lweIsuzu Double Cab, emva koko bamsa kwindawo engaziwayo.
"Kuthiwa imali yentlawulelo yafunwa ngabarhanelwa. Lo mba uye waxelwa kwiiHawks ukuze benze uphando olunzulu. Kwiintsuku ezintathu emva kwesi sehlo, ixhoba kutyholwa ukuba labaleka laphunyuka lingenawo nomkrwelo," utshilo uMhlakuvana.
Uphando olwenziwa ngabeeHawks lwakhokelela ekubanjweni kukaMagodla eMonti, nokwayanyaniswa nesehlo sokuxhwila, ebanjwa ngomhla we9 kweyoMdumba ka2025, utsho uMhlakuvana.
Ingxelo iqhuba ithi, uphando olunzulu lweeHawks lwakhokelela ekubanjweni kukaSikwana eMdantsane, eMonti, ngomhla we9 kuCanzibe 2025 waze wavela phambi kwenkundla kamantyi waseQonce.
USikwana ufunyenwe ekunye nemoto yohlobo lweIsuzu Double Cab ekubonakala ukuba ibisetyenziswa ekwenzeni ulwaphulomthetho yaza yathinjwa. Uphando lokuqala luye lwafumanisa ukuba kwa-esi sithuthi sibiwe kwiSebe lezeMpilo.
Ityala lokuxhwila lihlehliselwe umhla we16 kweyeKhala 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.