Kudutyulwe kwabhubha iinkondekazi ezimbini nezizalwa kunye eDikeni.
Image: SAPS
Kudutyulwe kwabulawa iinkondekazi ezimbini nezizalwa kunye, eUpper Ncerha, eDikeni ngentseni yangoLwesibini, umhla we13 kule nyanga kaCanzibe.
Ngokwengxelo yamapolisa ekhutshwe nguLieutenant Siphokazi Mawisa, esi sibini seenkondekazi nesineminyaka engama75, kunye nama85, besilele kwindlu enye ngethuba umrhanelwa ongaziwayo edyulukudela ngaphakathi, nalapho ethe wadubula wabulala ezi nkondekazi.
Ngethuba kugaleleka amapolisa kwikhaya eli, athe afumana imizimba yezi nkondekazi, nebinamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla. Omabini amaxhoba athe abhubhela kwindayo leyo yexhwayelo. Uphando olukhawulezayo luye lwenziwa, nakuba lungakhange lube yimpumelelo.
UMkomishinala wamaPolisa obambeleyo uMajor General Thandiswa Kupiso, unikele umyalelo kwiqela eliphanda eli tyala ukuba lihambele phezulu, ukuqinisekisa ukuba abenzi bobu bubi bayabanjwa bavalelwe, ukuze bajongane ngokupheleleyo nengalo yomthetho.
"Ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini, abantwana, kunye nabantu abadala akwamkelekanga, kwaye amapolisa azinikele ekukhuseleni uluntu lwasekuhlaleni ukunqanda ukunganweni kobundlobongela obusekelwe kwisini," utshilo uMajor General Kupiso.
Amapolisa acela nabani na onokuwanceda kolu phando, ukuqinisekisa ukuba abenzi bobu bubi bayabanjwa bavalelwe, aqhakamshelane noDetective Lieutenant Colonel Nolusindiso Dywili kwinombolo ethi 079 520 3380 okanye iSAPS Crime Stop kwinombolo ethi 08600 10111.