Iindaba

Ayibamkeli abamhlophe beli inkonzo yaseMelika

Siyabulela Mqikela|Published

Iqela lokuqala lamaBhulu elifike eMelika.

Image: Saul Loeb / AFP/ Getty Images

Inkonzo yaseEpiscopal eMelika iqhawule ubuhlobo norhulumente welizwe laseMelika ngenxa yokuba benyanzelwa ukuba bamkele abantu abamhlophe abasuka eMzantsi Afrika njengabaphambukeli. 

Le nkonzo kuthwa ineminyaka isebenzisana norhulumente waseMelika ukwamkela abaphambukeli neembacu ezibuya kumazwe angaphaphandle, ingakumbi abasuka eAfrika. 

UMfundisi uSean Rowe wenkonzo iEpiscopal uxelele amalungu ale nkonzo ukuba bafumene imbalelwano esuka kwiOfisi kaMongameli uDonald Trump enyanzelisa ukuba bamkele eli qela labantu abamhlophe eMelika njengesiqhelo. 

Ukubamkela kuthetha ukuba baza kubanika iindawo zokuhlala, amathuba emisebenzi nezinye iimfuno zabo eziphambili. 

"Inkonzo yethu ililungu lendibanisela yeenkonzo ezibizwa ngokuba yiAnglican Communion, enye yeenkokeli zethu nguBhishophu uDesmond Tutu ongasekhoyo, asinakwamkela aba bantu njengeembacu ngenxa yokuba siyazi kakuhle imbali yelizwe loMzantsi Afrika," kutsho uRowe. 

Oku konke kusemva kokuba abantu beli abamhlophe abakumashumi amane anesithoba bethe balishiya eli besinge kwelaseMelika emva kokuba uMongameli wela lizwe uDonald Trump ethembise ukuba uza kubamkela njengeembacu. 

UTrump wenze oku emva kokuxelelwa ngumbutho weAfriForum neminye imibutho ukuba abantu abamhlophe bathathelwa umhlaba kwaye bayabulawa eMzantsi Afrika.

"Ngenxa yobudlelwane esinabo nenkonzo yamaTshetshi kumazantsi eAfrika yonke, nangenxa yemigaqo nkqubo yethu, asikwazi kubamkela aba bantu, asikwazi kuyenza le nto ithethwa yiOfisi kaMongameli wethu uDonald Trump," uhambise watsho uRowe.

URowe uthi baza kuqhubeka ukunika inkxaso kwiimbacu ezisele zikho kwilizwe laseMelika, kodwa abakulungelenga ukwamkela eli qela labamhlophe.

Kukho iingxelo zokuba uMfundisi uRowe ubhalelwe incwadi liqela labefundisi beli loMzantsi Afrika bemxelela ukuba angakhe abamkele abo bamhlophe eMelika kuba zibubuxoki izizathu zabo zokushiya uMzantsi Afrika.