Iindaba

Idabi likaTimothy Omotoso lokuhlala eMzantsi Afrika lisaqhuba

Cwayita Nondula|Published

UTimothy Omotoso ukhululwe kwaye uza kufaka isicelo sokuba iSebe lezeKhaya liphonononge isigqibo sayo.

Image: Facebook

Ukhululwe yinkundla kamantyi waseMonti uMfundisi uTimothy Omotoso kwaye useza kuhlala kweli loMzantsi Afrika emva kokuba enikwe ithuba lokufaka isicelo sokuphonononga isigqibo seSebe lezeKhaya nesimbhengeze njengomntu ongavumelekanga ukuba abe kweli lizwe.

UOmotoso uvele kwinkundla kamantyi eMonti ngoMvulo nangoLwesibini (ngomhla we12 ne13 kuCanzibe 2025) emva kokuba ebanjwe eMdantsane, eMonti, ngenxa yokuba kweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni, ngoko esophula umthetho wabaphambukeli i-Immigration Act, ngokokutsho koMphathiswa weSebe lezeKhaya uLeon Schreiber.

Emva kwesi sigwebo sikaMantyi uKevin von Brant, iSebe lezeKhaya kwingxelo emfutshane lithe basiqaphele isiphumo setyala likaTimothy Omotoso ebeliphambi kwenkundla yaseMonti.

"ISebe liya kufunda kwaye lithathele ingqalelo inyathelo lalo elilandelayo, sakuba sifumanekile isigwebo esibhaliweyo," litshilo iSebe.

Kwinyanga kaTshazimpuzi, lo Mfundisi waseNigeria waphuma etshaya enkundleni eGqeberha emva kokuba ithe akanatyala. Ubejongene namatyala angamashumi amathathu anesibini (32), aquka amatyala okuxhaphaza ngokwesondo, ukuthubelezisa abantu, kunye norhwaphilizo, ekunye nabo atyholwa nabo ababengamalungu aphezulu ebandla lakhe, uLusanda Solani noZukiswa Sitho.

Kutshanje, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, ubhengeze ukuba iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liza kubhena isigwebo seCandelo leNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Koloni eGqeberha esiwiswe nguJaji uIrma Schoeman ngomhla wesibini kuTshazimpuzi ka2025 esakhokelela ekubeni sikhululwe esi sithathu.

"Esi sigqibo silandela ingqwalasela enzulu yalo mba liqela langaphakathi leNPA labatshutshisi abanamava, kunye noluvo lwezomthetho olufunyenwe kuMcebisi oPhezulu," sitshilo isithethi seNPA kuzwelonke uAdvocate Mthunzi Mhaga.

Abantu bemibutho eyahlukeneyo, iiNkosi kunye nabefundisi bebebambe umngcelele ngaphandle kwenkundla ngeentsuku ezimbini uOmotoso ebevele kule nkundla yaseMonti ngelizwi elinye besithi makagxothwe kweli loMzantsi Afrika. Nabalandeli bakhe bebekho ngaphandle kwenkundla bemxhasa, yaye basivuyele isigwebo senkundla.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uSihlalo wombutho wamanina weANC kwingingqi yaseBCM nonguCeba wakwaWadi 14, uZininzi Mtyingizane, uthe: "Silapha sizokubonakalisa ukungaxoli kwethu kwakwisigqibo setyala lokuqala apho aphume etshaya uOmotoso, khange sixole njengabazali nanjengeenkokeli, besilindele ukuba uyakufumana isigwebo esiqatha ukuba ubungqina babukhona ngokwaneleyo ebantwaneni bethu. Siyavuya xa ethe uMphathiswa mayijongwe into kaOmotoso. SiyiANC sithi makabuyele kowabo uOmotoso kuba usisigrogrisi ebantwaneni nakumanina kweli."

Kusenjalo, uMfundisi uMpumelelo Qwabaza uthe uqaphele ukuba uninzi lwabalandeli bakaOmotoso ngabasetyhini kwaye iyaxhalabisa lo nto. "Kuyothusa kwaye kuyaxhalabisa ukubona uninzi ingabantu ababhinqileyo kweli bandla likaOmotoso, kodwa oko siza kuthandazela sicenge uThixo ade abavule amehlo. Kwaye siyasixhasa nesigqibo soMphathiswa," utshilo uQwabaza.