UTimothy Omotoso ulwela ukuhlala kweli loMzantsi Afrika emva kokubanjelwa ukuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Umfundisi uTimothy Omotoso weJesus Dominion International Church ulwela ukuhlala eMzantsi Afrika njengoko ukugxothwa kwakhe kujinga entloko. Lo Mfundisi waseNigeria kutyholwa ukuba ukweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni emva kokuba iVisa yakhe iphelelwe ngo2017.
UOmotosa uvele kwinkundla yamatyala eMonti namhlanje, ngoMvulo, kulandela ukubanjwa kwakhe eMdantsane, eMonti, kule mpelaveki iphelileyo ngoMgqibelo. Ubanjelwe ukuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni, ekwaphula umthetho wabaphambukeli waseMzantsi Afrika owaziwa ngokuba yi-Immigration Act.
Iinkqubo zanamhlanje [ngoMvulo] zenkundla bezijonge ukuba igosa leSebe lezeKhaya lichaze izizathu zokuba anikwe uphum' phele kweli loMzantsi Afrika – necala lommangalelwa.
Eli tyala liza kubona igqwetha likaOmotoso lipheka igosa ngemibuzo – emva koko, likunye noMbuso liza kubeka phambi kwenkundla into enesihlahla. Ke ngoku inkundla iza kuthatha isigqibo sokuba bayawenza na umyalelo wokuba agxothwe.
UOmotoso ukhala ngelithi amalungelo akhe ayanyhashwa. Igqwetha lakhe, uSakhele Phoswa, ukuphikisile oko kuthethwe liSebe lezeKhaya, lisithi iSebe alinakuthi uOmotoso makahambe, makanikwe ithuba lokuzithethelela kuqala. UPhoswa uthe ngokomthetho, umntu kufuneka anikwe iintsuku ezilishumi elinesibini (12) kwaye ukusukela ekubanjweni kwakhe ukuza kuthi ga namhlanje [ngoMvulo] azikapheli iintsuku ezilishumi elinesibini (12).
Ngelixa igosa leSebe lezeKhaya uAubrey Mfunzana echaza izizathu zokuba agxothwe lo Mfundisi, ubalule ukuba akanayo iVisa kwaye indlela ayifumene ngayo yayingekho mthethweni.
ULuxolo Tyali weGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni uthi iVisa kaOmotoso iphelelwe ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeThupha ngo2017 kwaye wenze iinzame zokwandisa iintsuku, kodwa amaxwebhu akhe akakhange amkelwe liSebe lezeKhaya kuba engahambelani nomthetho.
"Isivumelwano sakhe seVisa wasifumana ngokungekho mthethweni," utshilo uTyali exelela inkundla.
Weza eMzantsi Afrika ngeenjongo zokuba nguMfundisi, inkundla ixelelwe. Kukwavakala ukuba uOmotoso weza kweli esebenzisa isikhululo seenqwelomoya iOR Tambo kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) eyadlulayo, kwaye kutyholwa ukuba akazange azi ukuba iphelelwa nini iVisa yakhe eyakhutshwa ngo2000.
UTyali uxelele inkundla ukuba uOmotoso kudliwanondlebe abenalo naye, wangqina ukuba wayifumana iVisa yakhe kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika eNgilane ngoncedo lwearhente.
"Xa ebuzwa ukuba iVisa isasebenza na, wathi hayi. Xa ebuzwa ukuba ingaba ikhona na iVisa ayilindileyo awafaka isicelo sayo kwiSebe lezeKhaya, wathi hayi. Ndabuza ukuba wakha wabhengezwa njengomntu ongekho mthethweni eMzantsi Afrika okanye kwelinye ilizwe, impendulo yakhe yathi ewe," utshilo uTyali.
Uqhubekile uTyali wathi, "Ndiphinde ndambuza ukuba wakha wagwetywa na eMzantsi Afrika nakweliphi na ilizwe, wathi hayi kodwa wabanjwa eMzantsi Afrika. Ndibuze ukuba ukhe wagxothwa na okanye wanikwa umyalelo wokushiya uMzantsi Afrika okanye elinye ilizwe, impendulo yakhe yaba nguhayi."
Iingxoxo zenkundla ziyaqhubeka ngomso ngoLwesibini.