UOmotoso uza kuvela phambi kwenkundla ngezityholo zokwaphula umthetho wabaphambukeli.
Image: Facebook
Umfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso, obanjwe eMonti ngoMgqibelo nolindeleke ukuba avele enkundleni namhlanje, unokugxothwa eMzantsi Afrika ngokwengxelo yeSebe lezeKhaya.
Kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka ka2025, uOmotoso nabatyholwa kunye naye, uLusanda Solani noZukiswa Sitho, bafunyanwa bengenatyala yiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha, bebejongene namatyala angamashumi amathathu anesibini (32) aquka izityholo zodlwengulo, ukurhwaphilizo kunye nokuthubelezisa abantu.
Namhlanje uOmotoso uza kuvela phambi kwenkundla ngezityholo zokwaphula umthetho wabaphambukeli (Immigration Act). ISebe lezeKhaya lithe wabhengezwa njengomntu ongavumelekanga kweli loMzantsi Afrika kwaye wazama ukuba eso sigqibo siguqulwe.
"Ukubanjwa kwakhe kulandela isigqibo soMphathiswa weSebe lezeKhaya [uLeon Schreiber] sokusikhaba isicelo esifakwe nguOmotoso ngokwecandelo 8(7) lomthetho i-Immigration Act, nobefuna kutshintshwe isigqibo sangaphambili seSebe lezeKhaya sokumbhengeza njengomntu ongavumelekanga [eMzantsi Afrika]," iSebe litshilo kwingxelo.
Isigqibo soMphathiswa sithetha ukuba uOmotoso ngoku ulapha eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni ngoko ke unokugxothwa.
ISebe liqhubekile lathi: "Ngaphambili uOmotoso uphikise ubume bakhe njengomntu ongavumelekanga enkundleni, yaze inkundla yagqiba kwelokuba ubume bakhe bubuyiselwe kwiSebe ukuze buphinde buqwalaselwe. Emva kokuwuqwalasela ngocoselelo lo mba kwakhona, uMphathiswa uye wasixhasa isigqibo sokubhengeza uOmotoso njengomntu ongavumelekanga [kweli loMzantsi Afrika]."
ISebe ligxininise ukuba likhokelwa kukuzibophelela okungagungqiyo ekuthobeleni umthetho ngaphandle koloyiko okanye umkhethe.