Iindaba

Ugwetyiwe ofake isicelo sobuqhophololo semali yesibonelelo sabakhubazekileyo!

Zenande Maqubela|Published

Igwetywe iinyanga ezintandathu indoda ebizama ukuxhamla imali yesibonelelo sabakhubazekileyo.

Image: IOL

Igwetywe yiNkundla yaseMthatha kwiveki ephelileyo, indoda enamashumi amane anesibini (42) eminyaka, emva kokufunyaniswa inetyala lokuzama ukuxhamla imali yakwaSASSA yesibonelelo sabakhubazekileyo ngobuqhophololo.

UAnele Gxumeka, wathi wabanjwa licandelo looKhetshe (Hawks) laseBizana, iSerious Crime Investigation, kweyoMdumba kunyaka ka2023, nalapho wathi wavela okokuqala enkundleni, ze waphuma ngebheyile.

Ngokwengxelo ekhutshwe nguWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ngomhla we9 kwinyanga yoMdumba ka2023, uGxumeka wathi watyelela iiofisi zeSouth African Social Security Agency, uSASSA ngamafutshane, eLusikisiki, ngeenjongo zokufaka isicelo sokufumana isibonelelo sabakhubazekileyo. UGxumeka wangenisa amaxwebhu kagqirha nawayedandalazisa imeko yakhe yempilo, ukuze anikwe ingqwalasela ngugqirha osebenzisana nabakwaSASSA.

Ingxelo iqhuba ithi, ngethuba lo gqirha eqwalasela la maxwebhu, waba neentsolo awathi wanazo. UGqriha wafumanisa ukuba isigulo esibhalwe kula maxwebhu asinako ukuba ngunobangela wokuba afumane imali yesibonelelo sabakhubazekileyo.

USASSA wathi wazisa amapolisa ngeenjongo zale ndoda, nekwathi kamva umba lo wagqithiselwa kooKhetshe ukuze uphandwe ngokubanzi. Uphando lwaye laqinisekisa ukuba uGxumeka ungenise amaxwebhu omgunyathi kuSASSA, njeengongo zokwenzwa ubuqhophololo kweli candelo, nalapho oku kwakhokelela ekubeni abanjwe avalelwe ngoFebruwari ka2023.

OkaGxumeka uthe wavela amatyeli amaninzi phambi kwenkundla yamatyala, phambi kokuba agwetywe eMthatha yiNkundla yeSpecialised Commercial Crimes, ngomhla wesibhozo kule nyanga uCanzibe.

UGxumeka ugwetywe iinyanga ezintandathu, nalapho eza kuzichitha entolongweni ngaphandle kokufumana ithuba lokwenza intlawulo.