Iqela lokuqala labemi boMzantsi Afrika abamhlophe abanikwe imvume yokuba ziimbacu ngurhulumente kaMongameli uDonald Trump basinge eMelika.
Image: iStock
Umhla weshumi elinanye kule nyanga kaCanzibe ngumhla wembali kweli nanjengoko iqela labamhlophe beli bethe balishiya eli lizwe besinge kwilizwe laseMelika besiya kuba ziimbacu emva kokuvunyelwa nguMongameli wela lizwe uDonald Trump. Inani labantu abamhlophe abahambileyo ngamashumi amane anesithoba (49).
Iingxelo zangaphambili zithe baqikelelwa kumashumi asixhenxe amawaka amaBhulu avakalise umdla wawo wokuya kuhlala kwela lizwe.
Oku kusemva kokuba uMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump wathi wanikwa ingxelo ngumbutho weAfriForum ngelithi abantu abamhlophe bayabulawa bakwathathelwa nomhlaba kweli loMzantsi Afrika.
Asingabo bonke abantu abamhlophe beli abahambiselana nembono yokuba bayekuhlala kwilizwe laseMelika njengeembacu, kodwa ngabo abakholelwa ukuba baphethwe kakubi.
Ukanti iSebe lemicimbi yezangaphandle kweli lithi zibubuvuvu iingxelo zokuba kukho abantu abamhlophe kweli loMzantsi Afrika abaphetheke kakubi. UCollen Msibi wela Sebe uthi bafumene isicelo sokuba kukho inqwelomoya yaseMelika eza kuthatha iqela labamhlophe kweli ukusinga kwilizwe laseMelika.
"Le nqwelomoya isuke eTexas yagqitha eDakar eSenegal yaza yayo kufika kweli loMzantsi Afrika eOR Tambo, kwaye xa iphindela eMelika iza kuhamba kwangalo ndlela," kucacisa uMsibi.
UMsibi uthi balindele ezinye izicelo kodwa akukabikho zicelo zingenileyo ezimalunga nokungena kweenqwelomoya ezisuka kwamanye amazwe ezize kuthatha abantu.
Oku kwenzeka nangona urhulumente welizwe loMzantsi Afrika ezimisele ukuqhubela phambili ukucenga urhulumente waseMelika ukuze bavuselele intsebenziswano.
Iingcali neezazi zemicimbi yezopolitiko kwihlabathi zithi ilizwe loMzantsi Afrika lizenzele umdintsi ngenxa yendlela elingene ngayo kumcibi welizwe lakwaSirayeli nelizwe lasePalestina.