Imipu eyafunyanwa ngamapolisa.
Image: SAPS
Kubanjwe amadoda amabini aneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) namashumi amathathu anethoba (39) ngokuba nemipu neembumbulu engekho mthethweni eBhityi.
Iphulo lobuntlola eliqhutywe ngoLwesihlanu kule ndawo libe neziphumo ezincumisayo ngokwengxelo yamapolisa. Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthi ngoLwesihlanu umhla wethoba kuCanzibe 2025, amalungu eTactical Response Team (TRT) ephethe incwadi egunyazisa ukugqogqa akhawuleza asebenzisa iinkcukacha zobuntlola aza agqogqa izindlu zaseMpande, eBhityi, ekuthiwe zigcine imipu engekho mthethweni.
"Amapolisa ngethuba egqogqa kule ndlu, afumene umpu ongenampepha oneembumbulu, kwaze kwabanjwa indoda enama23 ubudala.
"Eli qela ladlulela kwindlu yesibini eMpande, nalapho kuthiwa kugcinwe umpu ongekho mthethweni. Ekufikeni kwabo kule ndlu, umrhanelwa ufunyenwe ngaphandle kwaye wagqogqwa. Amapolisa afumene umpu wohlobo lweRevolver kunye neembumbulu ezingenampepha. Indoda eneminyaka engama39 ubudala yabanjwa," utshilo uNkohli.
UNkohli uthe le mipu mibini iza kuvavanywa ukuze kubonwe ukuba ayizange isetyenziswe na kulwaphulomthetho olwenzekileyo kweli lizwe.
Abarhanelwa babini baza kuvela kwinkundla kamantyi eBhityi namhlanje ngoMvulo umhla we12 kuCanzibe 2025, bajongene nezityholo zokuba nemipu neembumbulu ngaphandle kweempepha.