Phambi kweNkundla kusasa eMonti amaPolisa ezama inzolo phakathi kwabebandla likaTimothy Omotoso nemibutho yezopolitiko iANC neEFF kwakunye nabefundisi baseBCM.
Image: Abongile Ginya
Imibutho yezopolitiko efana namanina ombutho weANC kwakunye nombutho ophikisayo iEFF, kuquka iqela labefundisi ngokokuhlukana kweenkonzo zabo, batsho ngazwilinye phambi kweNkundla yaseMonti ngentsasa yangoMvulo ukuba makemke uTimothy Omotoso. Bathi angemki eMpuma Koloni kuphela, emke kwakweli loMzantsi Afrika nanjengoko ejongene nezityholo ezininzi kwaye ubomi babasetyhini busebungozini nguye.
UOmotoso nowelizwe laseNigeria ubanjwe ngamaPolisa ngoMgqibelo kusasa kwilokishi yaseMdantsane, eMonti, ngethuba ephuma emthandazweni kwelinye lesebe lenkonzo yakhe eseMdantsane. Ubanjelwe ukuba kweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni. Ngosuku lwangeCawe (izolo) le mibutho yabefundisi kwakunye neeNkosi zibambe umngcelele ukusa uxwebhu lwabo lwezikhalazo kwiNkundla yaseMonti, nothe lwamkelwa.
Olu xwebhu bebefuna kuvakale ilizwi labo lokuba aphume aphele kweli lizwe uOmotoso. Umnyele uvuswe nangakumbi kukuchithwa kwamatyala ebejongene nawo afana nokunukuneza abantwana abaselula abangamantombazana bebandla lakhe. Amatyala ebejongene nawo achithwe yinkundla yaseGqeberha kwinyanga ephelileyo emva kokuhlala ngaphakathi iminyaka esixhenxe engazange anikwe bheyile oko wabanjwayo.
UMfundisi uPam Daweti uthethe wathi phambi kwenkundla: "Ibuhlungu imeko esikuyo kweli lizwe apho umntu ozibiza ngelizwi likaThixo aphume etshaya kodwa izityholo zona zimile zokudlwengula, ingakumbi nabantwana bethu bekhala kabuhlngu.
"Uphindile wanyanzelisa ukuza eMonti kodwa elivile ilizwi likaSodolophu waseBCM ukuba akamkelekanga. Silapha nanamhlanje [ngoMvulo] sinethemba lokuba uThixo uza kungenelela kuMantyi noMtshutshisi ukuze naye atshutshiseke uOmotoso. Izityholo ajongene nazo zibonakalisa ukuba akayiyo inkokeli ebiziweyo kwaye akakwazi ukuba ahlale nathi eBCM naseMzantsi Afrika."
iANC kwakunye neEFF, iiNkosi kwanabefundisi phambi kweNkundla eMonti kulindelwe ukuba kuvele uOmotoso.
Image: Abongile Ginya
Amalungu ebandla likaOmotoso nawo ebengaphandle eyokuxhasa utata wabo nalapho akhe angquzulana nabezopolitiko, emva koko ayolindela ahamba ayokuthandaza kwicawe yabo ekude kufuphi nenkundla.
UMfundisi uMpumelelo Qwabaza uthi akuqapheleyo kweli bandla likaOmotoso, nebeliphambi kwenkundla nalo luyokuxhasa utata walo, kukuba ngamanina amaninzi. "Kuyothusa kwaye kuyaxhalabisa ukubona uninzi ingabantu ababhinqileyo kweli bandla likaOmotoso, kodwa oko siza kuthandazela sicenge uThixo ade abavule amehlo. Kwaye siyasixhasa nesigqibo soMphathiswa".
UZininzi Mtyingizane nonguSihlalo weANCWL nokwanguCeba kaWadi 14 eMdantsane, uthe: "Silapha sizokubonakalisa ukungaxoli kwethu kwakwisigqibo setyala lokuqala apho aphume etshaya uOmotoso, khange sixole njengabazali nanjengeenkokeli, besilindele ukuba uyakufumana isigwebo esiqatha ukuba ubungqina babukhona ngokwaneleyo ebantwaneni bethu. Siyavuya xa ethe uMphathiswa mayijongwe into kaOmotoso. SiyiANC sithi makabuyele kowabo uOmotoso kuba usisigrogrisi ebantwaneni nakumanina kweli".
OweEFF kuzwelonke uInam Kula nobekwiqela ebeliyokudlulisa uxwebhu lwezikhalazo ngeCawe, uthi abakufunayo beyiEFF kukuba ahambe uOmotoso kuba akanayo indawo kweli lizwe. UKula uthi ayikho indawo yezidlwengu, watsho esithi iSebe lezeKhaya malenze limkhuphe okaOmotoso.
UOmotoso kulindeleke ukuba avele emva kwentsimbi yesibini kwaye oonondaba neenkokeli azivumelekanga zingene ngaphakathi.