Abane babhubhe logama abalishumi elinesine bonzakele kwingozi yaseMonti.
Image: iStock
Kubhubhe amakhwenkwe amathathu kunye nendoda enye kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 ngaseBeacon Bay, eMonti, ngobusuku bangoMgqibelo ngethuba besuka kwitumente yebhola ekhatywayo – logama abalishumi elinesine bonzakele.
Iingxelo zithi ibhaki ebikhwele amaxhoba ibhukuqekile ngethuba umqhubi ephulukene nolawulo lwemoto.
Othethe egameni leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi abonzakeleyo abalishumi elinesine (14) basiwe kwisibhedlele saseFrere ukuze bafumane unyango.
Kutyholwa ukuba ababhubhileyo bebesuka kwibala lebhola ekhatywayo eBunkers Hill besiya eGonubie emva kokuthatha inxaxheba kumdlalo webhola ekhatywayo.
"Kwenzeke isiganeko esibi kakhulu esiye sasuba imiphefumlo yamakhwenkwe amathathu aselula kunye nendoda ngethuba babebuya kwitumente yebhola ekhatywayo begoduka," utshilo uBinqose.
UBinqose ukwathe uMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthumela amazwi ovelwano kusapho lwababhubhileyo.
Kusenjalo, kubhubhe abantu abasibhozo uninzi lwabo ngoomama kwingozi yemoto eyenzeke KwaZulu-Natal ngentseni yangeCawe ngosuku looMama. Emva kwale ngozi eyenzeke kuhola wendlela uN2, abantu abalishumi elinesithandathu (16) banyangwa kwizibhedlele ezahlukeneyo eMpangeni.
Ngokweengxelo, abane kwabonzakeleyo bakwimeko emaxongo emva kokuba iloli erhuqa izithuthi inqubene ngasemva kwiMinibus ebithwele amalungu angama24 aseZion Christian Church (ZCC), uninzi lwabo ingamakhosikazi.
Kuthiwa aba bantu benkonzo bebesiya eDukuduku eMtubatuba.
Isithethi seSebe lezoThutho eKZN, uNdabezinhle Sibiya, uthi uMphathiswa wezoThutho nokuHlaliswa koLuntu, uSiboniso Duma, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zababhubhileyo.