Umbhali ophume izandla uGqirha Mqhubi Given Mdliva uthweswe isidanga sobuGqirha beFilosofi kwiiLwimi zesiNtu.
Image: UFH
Ngenxa yefuthe lakudala, ababhali bokuqala bolwimi lesiXhosa bebengakukhathaleli ukukhusela nokuhlonipha isidima samanina xa bebhala.
UGqirha Mqhubi Given Mdliva wenze uphando nzulu ngalo mba ngethuba ebesenza isidanga sakhe sobuGqirha kwiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni.
Eli gqala lombhali wesiXhosa lenze isidanga salo kwinqanaba lobuGqirha esebenzisa ulwimi lesiXhosa. Ukwenziwa kophando nzulu kwinqanaba leeMasters nobuGqirha ngolwimi lesiXhosa sele kuyinto efuna ukuqheleka kweli.
Othethe egameni leYunivesithi yaseFort Hare, uAretha Linden-Ntintishe ucacisa ngomsebenzi owenziwe leli gqala lombhali.
"UGqirha uMdliva uphicothe ulwimi olusajongela phantsi amanina kwisihobe sesiXhosa, esibhalwe ngamadoda nangamanina kwixesha lenkulungwane yamashumi amabini neyamashumi amabini ananye," ucacise watsho uLinden-Ntintishe.
Ngeli xesha enze uphando ngalo uGqirha Mdliva, uninzi lwababhali yayingamadoda, amanina ambalwa – kodwa nawo ayebhala ngokuzoba umfanekiso ongenguwo ngamanina maxa wambi.
"Olu phando nzulu lwenziwe ngokuphicotha imibongo engamashumi amahlanu, nechongwe ukuba inamagama, amabinza, imiqolo nemifanekiso ejongela phantsi amanina nesidima sawo," ucacise watsho uLinden-Ntintishe.
Kuthwa uGqirha Mdliva ufumanise ukuba ulwimi olusetyenziswe kwezi nkulungwane zombini. "UGqirha Mdliva uthi iimbongi kule mibongo zisebenzise ulwimi olurhuqela eludakeni isidima samanina ngokuwazoba njengabantu abangakwazi kuzimela, abadinga amadoda ukuze baphile ubomi obububo," ucacise watsho uLinden-Ntintishe egameni leYunivesithi yaseFort Hare.
Kolu phando nzulu uGqirha Mdliva ucebisa ukuba ukuveliswa koncwadi olukhuthaza ukunyamezelana nokulingana ngokwesini, ukwacebisa ukuba iimbongi ezingamanina mazikhokele ekubhaleni isihobe esiza kunika ingqiqo eyiyo ngamanina.