UMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uthi izikolo ezikumashumi asithoba ekhulwini (90%) zikwimeko engcono.
Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers
Ngokwengxelo eyothulwe liSebe leMfundo esiSiseko ePalamente kule veki ngomlo woMphathiswa weli Sebe, uSiviwe Gwarube, zikwimeko entle izikolo zoMzantsi Afrika ngokwezakhiwo kunamaxesha angaphambili.
Ingxelo ithi uGwarube udize oku ngethuba ebesenza ingxelo yeSebe lakhe kwikomiti ejongene nezemfundo kuzwelonke ePalamente eKapa.
UGwarube uxelele amalungu ale komiti ukuba ngamashumi alithoba ekhulwini eepesenti izikolo zoMzantsi Afrika ezikumgangatho ophucukileyo ngokwezakhiwo zazo.
"Kuyavuyisa ukubona ukuba amashumi alithoba ekhulwini ezikolo zethu zikwimeko entle noko, nangona ke zisekhona izikolo ezikwiipesenti ezisibhozo ekhulwini ezisekwimeko embi," kutsho Gwarube.
Uthi ngokwamanani, ngamashumi amabini anesine amawaka izikolo ezidinga ukuphuculwa umgangatho, kwaye uyakhala esithi zininzi ezo zikolo.
"Iipesenti ezimbini ekhulwini lezikolo zethu zikwimeko embi kakhulu, kuyaxhalabisa oku kuba bakhona abantwana abafunda kwezo meko zimbi zinjalo zezikolo zabo," kucacisa uGwarube.
Uxelele le komiti ukuba badinga uncedo ukuze bakwazi ukuguqula imeko yezikolo zoMzantsi Afrika.
"Size apha ukuza kunazisa ukuba sinezikolo ezingaphezu kwamawaka asibhozo ezisadinga ukwakhelwa amagumbi okufundela, oko kuthetha ukuba sidinga imali ekumashumi amathathu eebhiliyoni zeerandi ukuze sikwazi ukuzalisekisa eli phupha," kutsho uGwarube.
Uhambisa athi iSebe lakhe lizimisele ukuphelisa nya amagumbi angasese angakhuselekanga ngelizama ukuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi kwezi zikolo.
"Ngoku sithethayo likhulu namashumi amathathu kuphela izindlu zangasese ezikolweni ezisebenzisa imingxunya ngokohlobo lakudala, kodwa sisebenza kuwo ngamandla umcimbi wokuphelisa ezi zindlu zingakhuselekanga ebantwaneni," ucacise watsho uGwarube.
Abantwana bayalimala bambi baphulukane nobomi babo ngenxa yezindlu zangasese ezingekho mgangathweni ezikolweni zoMzantsi Afrika.