Iindaba

Ayifikanga igalelekile iHONOR 400 Lite eza kushiy' abantu bemangalisiwe!

Pedro Mapelo|Published

iHONOR 400 Lite iza kwenza izimanga kwimakethe yaseMzantsi Afrika

Image: Facebook

Enye yeenkampani eziphala phambili kwiimveliso zeminxeba ephathwayo, iHONOR, ikhuphe omnye ukracaza womtshini ozitshintshayo oza kushiya abantu abaninzi bemangalisiwe.

Ayiseyondaba yakwamkhozi ngoku ukuba kuza iHONOR 400 Lite kwimakethe yaseMzantsi Afrika. Le yimveliso entsha efumbethe ubugcisa obutsha ekuthiwa yiAI. Oku kwenzeke kanye emva kwempumelelo ezuzwe nguHONOR ovelise iHONOR 200 Lite ehambe phambili kwiintengiso zefowuni eMzantsi Afrika ngonyaka ka2024.

Eso ayisosibalo nje kuphela, bubungqina obucacileyo obubonisa ukuba uHONOR uvelisa iifowuni ezisemgangathweni ophezulu futhi ezithandwayo ngabantu. Izinto ongayilindela kwiifowuni kaHONOR: zintle, zibambeka lula, zikhaphukhaphu, zomelele futhi zisebenza ngendlela encomekayo. Ifowuni yonyaka ophelileyo, iHONOR 200 Lite, iye yabalasela ngoba inebhetri elihlala ixesha elide, isikrini sicacile futhi somelele.

Yiyo lo nto iqhwatyelwe izandla apha eMzantsi Afrika nakwamanye amazwe. Abahlalutyi bobuchwephesha kuYouTube, iTechNave, bavumile ukuba iHONOR 200 Lite yenze ngaphezulu kobekulindelwe.

Bayichaze njengefowuni esebenza ngendlela entle kakhulu. Okucacileyo kukuba iifowuni zikaHONOR ziyathandwa ngabafundi nangavelisi bamabali (contente creators) kumakhasi onxibelelwano. Emva kokuthengisa ifowuni yonyaka ophelileyo (HONOR 200 Lite) ngepesenti engaphezulu kuka600% apha eMzantsi Afrika, sekucacile ukuba iHONOR 400 Lite iza kuba ngundabamlonyeni.

Iinkcukacha zibonisa ukuba iHONOR 400 Lite yakhelwe ngaphezulu komsebenzi omhle owenziwa kwiHONOR 200 Lite eqhube kakuhle emakhethe. Iqhayisa ngekhamera ecacileyo, isikrini esikhanyayo neAI eluncedo ngendlela emangalisayo.

Ngaphandle kwamathandabuzo, abantu baza kuyithanda kakhulu ifowuni entsha ngoba yenziwe kakuhle ukuze isebenziseke lula nangendlela ekhuselekileyo. Njengenkampani ehamba phambili, iHONOR iziphobelele ekuveliseni iifowuni, iikhompuyutha nezinye iimveliso ezisemgangathweni ophezulu.