Ummi wangaphandle othengisa izinto zomgunyathi uhlawuliswe imali engaphaya kwekhulu lamawaka eerandi yinkundla kamantyi yaseGqeberha.
Image: iStock
Iqela leeHawks elizinze eGqeberha liqinisekise ukuba ummi wangaphandle, uSyed Khurram Aftab, 24, ufunyenwe enetyala, ze wahlawuliswa iR136 750 yinkundla kamantyi yaseGqeberha.
Iqela leeHawks elizinze eGqeberha, iSerious Commercial Crime Investigation (SCCI), liqinisekise esi siphumo emva kokuba uAftab enikwe umyalelo wokuba avele enkundleni kuTshazimpuzi ka2025. Inkundla kamantyi yaseGqeberha imhlawulise le mali ngoMvulo, umhla wesihlanu kuCanzibe 2025 ngokophula umthetho wempahla yomgunyathi (Counterfeit Goods Act).
Isithethi seeHawks eMpuma Koloni uW/O Ndiphiwe Mhlakuvana uthi ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoKwindla ka2025, inkampani yamagqwetha iSpoor and Fisher Attorneys esebenza kwimiba enxulumene nophawu lwentengiso kunye nokuchasene neempahla zomgunyathi kuthiwa yafumana isikhalazo esibonisa ukuba kuthengiswa iimpahla zomgunyathi zeApple kwivenkile iMOD Tech eWalmer, eGqeberha.
"Emva koko, inkampani yamagqwetha yabek' esweni ivenkile yeefowuni ukuze iqinisekise ubunzulu bolwaphulomthetho. Ngokutsho kweengxelo, ummeli wale nkampani yamagqwetha uthenge ezi zinto kwaye wazihlalutya, nezibonakalise ukuba zezomgunyathi.
"Amagqwetha aqhube uvavanyo lwezinto ezimele inkampani yeApple Incorporate eseMelika. Lo mba uxelwe ngokusesikweni kwiSCCI yeeHawks ukuze kwenziwe uphando oluthe kratya," utshilo uMhlakuvana.
Ingxelo kaMhlakuvana ithi ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoKwindla ka2025, igqiza eliphandayo leeHawks lenze isigunyaziso sokugqogqa neligunyazise ukuba abaphandi baye kugqogqa kule venkile ikhankanyiweyo.
Ingxelo iqhubekile yathi ekukhangeleni, iqela lifumene laze lathimba iikhava zesilicone zomgunyathi ezilikhulu elinamashumi asibhozo anesihlanu (185), iiadaptha ze-iPhone ezilikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu (153), iintambo zokutshaja ze-iPhone ezilikhulu elinamashumi amathandathu (160), ii-iPod zeApple ezimashumi amathathu anesine (34), iintambo zeeHeadphones ze-iPhone ezisixhenxe, iitshaja zemoto ze-iPhone ezintathu, iibhetri ezintathu ze-iPhone kunye neewotshi zeApple ezintathu kwivenkile ka-Aftab nezixabisa iR720 000.