UNkosi Thandisizwe Mhlontlo wamaGcina eCacadu.
Image: Uthunyelwe
Sizilile isizwe samaGcina eCacadu emva kokuvakala kwesithonga sokuwa kweNkosi yamaGcina akwaMhlontlo, uNkosi Mmeli Thandisizwe Mhlontlo.
Ingxelo yekhaya ithi eli fafa lide lakwaGcina libhubhele kwisibhedlele saseGlen Grey eCacadu emva kwengulo ende. UNkosi uThandisizwe ngunyana kaNkosi Gwebindlala Mhlontlo ongasekhoyo.
Ngexesha lokuphathwa kwakhe, uThandisizwe uzibalule ngokukhusela umhlaba wamaGcina koohlohlesakhe izihlandlo ngezihlandlo.
Ngoburharha, ebengoyiki ukubalisa ukuba wayephakathi kwamajoni awayezama ukubhukuqa uNjengele Bantu Holomisa ekunye noCraig Duli, Boti Davis nabanye.
"Sasifuna ukuthatha iTranskei kuHolomisa, sasifuna ukuba ngabaphathiswa nathi, qha saxabana sodwa umcimbi ungekaqali, sasiwenzile wona amalungiselelo koko safika amajoni aseTranskei engalelanga," ubedla ngokutsho uThandisizwe.
Xa esonwabisa isizwe sakhe ebesithi iNkosi ayijongwa, ngoko indoda ayifumene ijonge iNkosi iza kudliwa okanye ikhatywe ezimpundu.
Abachasi bakhe abaninzi bayakwazi ukukatswa nguye ezimpundu enyanzelisa umthetho, ekwakhusela isizwe samaGcina.
"Emva kokuphanza kweenzame zethu zokubhukuqa uHolomisa, sabethwa kakhulu ngamajoni aseTranskei, kodwa basisindisa abantakwethu abasidubula, ndabaleka ngeteki enye ukusuka eMthatha ukuza kungena ekhaya kuMaqhashu eCacadu, akulunganga ukurhala," ebesitsho eyihleka yonke le nto uMhlontlo.
Kwincoko nenye yeeNkosi zale ngingqi, I'solezwe lesiXhosa lifumene ithuba lokuncokola noNkosi Zweloxolo Stokwe wamaQwathi ngoNkosi Thandisizwe. "Ebengumhlobo katata wam omkhulu, ebelirharha lendalo uThandisizwe ethandeka ngeyona ndlela," kutsho uNkosi Stokwe.
Ingxelo yekhaya ithi uza kubekwa kumangcwaba akomkhulu kuMaqhashu ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga kaCanzibe.