Inkokeli yeEFF uJulius Malema uthi yalelwe iVisa yokuya eLondon.
Image: Phando Jikelo/Parliament of SA
Inkokeli yombutho we-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, uvakalise udano lwakhe emva kokuyalelwa iVisa yokuya kwiNkomfa yaseCambridge eNgilane kule mpelaveki.
Kwinto ayibhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano uX ngoLwesithathu, uMalema utyhola ngelithi ukwalelwa bekungafanelanga nje kuphela kodwa ziinzame zokucinezela amazwi aphikisayo ezopolitiko.
UMalema, obelungiselela ukukhwela inqwelomoya kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International, uvakalise umothuko wakhe emva kokufumana imbalelwano evela kwabasemagunyeni baseNgilane kwiiyure nje ezimbalwa phambi kokuba ahambe.
"Abasemagunyeni baseBritane bandiyalele iVisa yokuya eLondon kwiNkomfa yaseCambridge kule mpelaveki, benganiki sizathu sibambekayo. Kucacile kum ukuba eli lilinge lokucinezelo iimbono zezopolitiko eziphikisayo," utshilo.
Wongeze ngelithi uye waqinisekiswa ngamagosa ukuba umba weVisa uza kusonjululwa ngecala emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini, kodwa wahlangatyezwana nokuphoxeka kwiyure yokugqibela.
Kwingxelo yakhe, uMalema ukugxekile ukwaliwa kweVisa njengento 'engamkelekanga' nebonisa 'ukungabinamqolo,' ebonisa into eqhelekileyo yokuthuliswa koosopolitiki abathanda ukucela umngeni izinto ezenzekayo.
INkomfa yaseCambridge, apho uMalema ebecwangciselwe ukuba athethe khona, yaziwa ngokugxila kwiingxoxo ezahlukeneyo kunye nokuququzelela iingxoxo kwimiba ecinezelayo yehlabathi.
Ngenyanga yeNkanga ka2024, iBotswana yasisusa isithintelo sokundwendwela ngakuMalema kwiintsuku eziphambi kokumiselwa kukaMongameli uDuma Boko.
UMongameli Boko walisusa igama likaMalema kuluhlu lwabantu abathintelweyo ukuba bangene eBotswana kuquka nowayesakuba nguSekela Mongameli we-EFF uFloyd Shivambu, kunye nosomashishini uBridgette Radebe phakathi kwabanye.
UMalema wathintelwa ukuba angene eBotswana ngo2011 emva kokuba ethethe amazwi anyelisayo ngakulowo wayesakuba nguMongameli waseBotswana uIan Khama.
Ngelo xesha, uMalema wayeyinkokeli yoLutsha lweAfrican National Congress (ANC) ngethuba kwintetho yakhe wagxeka urhulumente kaKhama ewubiza njengoonodoli abalawulwayo.
Kuthiwa wongeza ngelithi iANC Youth League ijonge ukuseka iqela laseBotswana eliza kusebenza ekudibaniseni bonke abantu abaphikisayo eBotswana "ukuchasana nolawulo loonodoli lwaseBotswana, olukhokelwa yiBotswana Democratic Party."
Le nkokeli yeebherethi ezibomvu yade yagrogrisa ngokubhukuqa urhulumente kaKhama. Ngenxa yokungavisisani okubangelwe zezi ntetho, iVisa kaMalema yathintelwa ngurhulumente waseBotswana, ngaloo ndlela imthintela ekungeneni kweli lizwe.
Esinye sezizathu zokugxothwa kukaMalema kwiANC ngo2012 kukuba wayegrogrise ngokuzisa inguqu yolawulo eBotswana.