Inkosikazi (23) eyayanyaniswa nesiganeko sokuxhwila iza kuvela kwinkundla kamantyi eQonce.
Image: NewsTeam AI Lab
Umrhanelwa wasetyhini oneminyaka engama23 ubudala nokwayanyaniswa nokuxhwilwa kwendoda eneminyaka engama32 kwindawo yaseSchonville eQonce uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseQonce namhlanje.
Esi sehlo senzeke ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi ka2025, ixhoba laxhwilwa ngabarhanelwa abangaziwayo abaxhobileyo, ngokokutsho kwesithethi sooKhetshe uW/O Ndiphiwe Mhlakuvana.
"Ngexesha lesi sehlo, kuvakala ukuba ixhoba laqutyulwa, lahlatywa, laza lafakwa ngenkani kwibhuthi yemoto yomrhanelwa. Emva koko, kwadizwa ukuba imoto yexhoba yohlobo lweVolkswagen Golf 7 GTi nayo yaqweqwediswa, neyathi kamva yafunyanwa inyengeziwe kwaye itshiswe yaluthuthu kwindlela yaseBhisho kufuphi nohola wendlela uN2," utshilo uMhlakuvana.
Iingxelo zithi, ixhoba liye lavalelwa iintsuku ezimbalwa, nanjengoko umnxeba walo, ikhadi lebhanki, kunye neenombolo eziyimfihlo (ipini) zafunwa ngenkani ngabarhanelwa. Lo mba unikezelwe kooKhetshe ukuze baphandwe ngokucokisekileyo.
Kuye kwaqhutywa uphando, nolufumanise ukuba abenzi bobubi bakhupha imali yexhoba [kwiATM]. Uphando oluqhutywa bubuntlola lwakhokelela kumzi othile apho ixhoba laligcinwe khona eSchonville.
"Ngokubambisana phakathi kweqela looKhetshe lethutyana i-Interim Kidnapping Task Team kunye noluntu kubangele ukuba kubanjwe umrhanelwa oneminyaka engama23 ubudala oyanyaniswa nesi sehlo sokuxhwila.
"Ngaphaya koko, umrhanelwa kusenokwenzeka ukuba uye waqulunqa kwaye wadlala indima enkulu kwesi sehlo sikhankanywe ngasentla," utshilo uMhlakuvana.
Kuthiwa ooKhetshe balindele ukuba kubanjwe abanye abantu nanjengoko uphando lusaqhuba.