Iindaba

Lumka xa usebenzisa oomatshini bebhanki

Cwayita Nondula|Published

Hlala uthe qwa xa usebenzisa oomatshini bebhanki.

Image: File

Buninzi ubuqhophololo obenzeke koomatshini bebhanki (ATMs) obenziwa ngootsotsi, ingakumbi ngeentsuku zokurhola. Amapolisa abongoza abantu ukuba bahlale bethe qwa xa besebenzisa oomatshini bebhanki.

Ezi ziingcebiso zokhuseleko ezicetyiswa ngamapolisa:

  • Kulumkele okukungqongileyo phambi nasemva kokusebenzisa iATM.
  • Ungaze uchaze inombolo yekhadi lakho okanye inombolo eyimfihlo (pin) nakubani na phantsi kwayo nayiphi na imeko.
  • Musa ukubhala inombolo yakho eyimfihlo kwikhadi lakho okanye uyigcine kufutshane nekhadi lakho.
  • Faka ikhadi lakho kuphela xa ucelwa yiATM.
  • Kuphephe ukusebenzisa iiATM ezinezikrini ezingenanto okanye ezo zibekwe kwiindawo ezimfiliba okanye ezifihlakeleyo.
  • Khusela amaqhosha ngesandla kunye nomzimba wakho xa ufaka inombolo yakho eyimfihlo.
  • Gcina iliso elibukhali kwindawo ekufakwa kuyo ikhadi ukuze uthintele iinkcukacha zekhadi lakho ekubiweni okanye ekubeni ikhadi litshintshwe.
  • Musa ukwamkela uncedo oluvela kubantu ongabaziyo kwiiATM.
  • Balumkele abantu abazama ukukuphazamisa – oonqevu badla ngokusebenza ngokwamaqela.
  • Ukuba ikhadi lakho litshone kwiATM, tsalela umnxeba kwinombolo yoncedo yebhanki yakho ngoko nangoko.
  • Musa ukuvumela abanye abantu ukuba bafowune ebhankini egameni lakho – basenokuba bazama ukukukhohlisa.
  • Oonogada abasebenza kwiiATM bakhona ukuze bathintele izenzo zolwaphulomthetho kwaye abagunyaziswanga ukuba bancedise ngokukhupha imali.
  • Ukuba uncedo luyafuneka, dibana negosa lebhanki ngokuthe ngqo.
  • Ungamisela umlinganiselo wemali oyikhuphayo ngosuku kwiATM ngokuya kwisebe lebhanki yakho ukuze ufumane ukhuseleko olongezelelweyo.

Amapolisa akwakhuthaza uluntu ukuba luxele naziphi na izenzo ezikrokrisayo okanye izehlo zolwaphulomthetho ngokufowunela inombolo yeCrime Stop ku-08600 10111 okanye ngokusebenzisa iMySAPS App.