Iindaba

Lichithiwe ityala ngakumama owabulala otyholwa ngokudlwengula intombi yakhe

Cwayita Nondula|Published

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwakunye noMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta bebeyinxalenye yomngcelele noluntu lwaseCacadu ukuya enkundleni ukuxhasa umama othe wavela.

Image: Office of the Premier/Facebook

Lichithiwe ityala likamama (44) waseCacadu otyholwa ngokubulala indoda (65) nebityholwa ngokudlwengula intombi yakhe ekhubazekileyo.

Lo mama uvele kwinkundla kamantyi yaseCacadu ngoMvulo ejongene netyala lokubulala – ebevela okwesibini nanjengoko wanikwa ibheyile yeR500 ngethuba evele okokuqala ngomhla weshumi kuTshazimpuzi 2025.

Esi sehlo senzeka ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi 2025, nalapho le nkosikazi kuthiwa yabamba le ndoda nentombi yayo ekhubazekileyo kwindawo ehlala le ndoda kwilali yaseCacadu.

Kutyholwa ukuba le ndoda yabethwa yabhubha ngulo mama nabanye abantu basekuhlaleni.

INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ekunye noMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, babambe umngcelele kunye nabantu baseCacadu ngaphandle kwenkundla beyokuxhasa le nkosikazi ineminyaka engama44 ubudala.

Ethetha ngokuchithwa kweli tyala uMabuyane uthe, "Eli tyala libuhlungu, lisisikhumbuzo esibi sengozi abantwana bethu abajongene nayo kunye nezinto abazali abancama ukuzenza ukuze babakhusele.

"Okwenzekileyo ngelo xesha akuceli mngeni inkqubo yethu yezomthetho kuphela, kodwa izazela zethu njengabantu. Ukurhoxiswa kweli tyala ngakulo mama kungaphezulu kwesigqibo somthetho, kukuvuma intlungu enganyamezelekiyo kunye noxinzelelo olunyanzeleka lunyamezelwe ziintsapho ezininzi xa zijongene nobundlobongela obusekelwe ngokwesini."

Umbutho wamanina weANC eMpuma Koloni usiqhwabele izandla isigqibo sokurhoxiswa kweli tyala. "Sincoma iinzame ezihlangeneyo zoluntu, abezomthetho kunye nabo bonke abo bathe bema naye ngexesha lobunzima bakhe. Esi siphumo asiloloyiso lwakhe kuphela kodwa sisiganeko esibalulekileyo kumaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini kwilizwe liphela," sitshilo isithethi seANCWL ephondweni uLandi Sikhinzi egameni lalo mbutho.

Lo mbutho uqhube wathi esi sigqibo siqinisekisa ukubaluleka kwenkqubo yobulungisa enobulungisa nemfesane, ephulaphula izikhalo zabasetyhini nabantwana kwaye eqaphela imeko ebanzi apho ezi ntlekele zenzeka khona.