Iindaba

Ipolisakazi kwisityholo sokubulala isinqandamathe salo!

Zenande Maqubela|Published

Ipolisakazi livela enkundleni ngesityholo sokudubula sibulale isinqandamathe salo.

Image: SAPS

Livela enkundleni namhlanje, uLwesibini, umhla we6, ipolisakazi elityholwa ngokudubula libulale indoda ebelincuma nayo ngeCawa, umhla we4 kule nyanga eDikeni.  

Ingxelo yesithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu Gantana ithi, iinkcukacha ezikhutshwe ngamapolisa zibonibosa ukuba umrhanelwa, olipolisakazi eHogsback, ubekunye nesinqandamathe sakhe ngethuba bebuya kumcimbi wesintu, apho kuthe kwavela uxambuliswano kwindawo abahlala kuyo eDikeni.

UBrigadier Gantana uqhuba athi ngethuba kuqhuba uxambuliswano, kusolwa ukuba umrhanelwa uye wakhupha umpu wakhe womsebenzi, wadubula isithonga sasinye, nesithe sabulala isinqandamathe sakhe. Ixhoba lidutyulwe kumzimba ongasentla, ze labhubha.

Ingxelo iqhuba ithi kwindawo yexhwayelo, amapolisa athe afumana umpu oneembumbulu, kunye neesampulu ezingqwamene nolu phando.

Kuvulwe ityala lokubulala, nelithe lanikezelwa kwi-Independent Police Investigative Directorate, i-IPID ngamafutshane, ukuze yenze uphando, nanjengoko ngokomthemtho ityala elibandakanya ipolisa linikezelwa kweli candelo.

Umrhanelwa uvela enkundleni namhlanje, uLwesibini, umhla we6 kuCanzibe, kiNkundla kaMantyi eDikeni.

Ukanti iSAPS iqinisekisa ukuzinikela kwayo ekuthobeleni umthetho ngaphandle koloyiko nokungenamkhethe, kwaye iqinisekisa uluntu ukuba inkqubo efanelekileyo iza kuthi ilandelwe kweli tyala.