UNjingalwazi Sisanda Nkoala weyunivesithi yaseNtshona Koloni.
Image: File
Umhla wesithathu kwinyanga kaCanzibe ngumhla owamiselwa zizizwe ezimanyeneyo (UNESCO) njengomhla wokuqaphela nokukhumbula indima edlalwa ngoonondaba neenkampani ezivelisa iindaba kwihlabathi.
Umxholo walo nyaka uthi ‘ukuveliswa kweendaba kwihlabathi elitsha elinobukhalipha.’
UNjingalwazi Sisanda Nkoala osebenza kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni uncokola banzi ngendima yeArtificial Intelligence (AI) kumajelo eendaba nenkqubo yokuveliswa kweendaba.
Lo mxholo uvela kanye ngexesha apho kukho ukwehla okumandla kwizinga lokuveliswa kweendaba kwihlabathi ngokubanzi ngenxa yefuthe le AI. "Inkululeko yamajelo eendaba iphantsi koxinzelelo ngenxa yeenkokheli zopolitiko, nabezoshishino – ulawulo lwesininzi nezimvo zoluntu zisengxakini xa singenakukwazi ukuvelisa iindaba ezichanekileyo," ugadlele watsho uNjingalwazi uNkoala.
Uhambisa athi ukukhula kwefuthe le AI kubangele ukuhla kwengeniso kwiinkampani ezivelisa iindaba, kwaye oku kubangele ilahleko kwiintsapho.
"Iinkampani ezininzi ezivelayo ezigxile kwindlela yokusebenza esekelezelwe kwiAI zibangela ukuba ibencinci imali eyenziwa ziinkampani ezisebenzisa iindlela zokuvelisa iindaba eziqhelekileyo," kutsho uNkoala.
Iinkampani ezivelisa iindaba kwihlabathi ziphantsi koxinzelelo olumandla olubangela ukuba kuphungulwe abasebenzi, logama abanye benyanzeleka ukuba bafunde iindlela ezintsha zokusebenza.
"Ukuvela kwamaqonga ahambiselana neAI afana noGoogle, X noFacebook kukhubaze ngamandla indlela endala yokuveliswa kweendaba kwihlabathi ngokubanzi," kucacisa uNkoala.
Le Njingalwazi ithi incokole nabantu abaninzi abaquka izifundiswa, iintatheli ezinamava, iinkampani zabucala noluntu ngokubanzi malunga nefuthe le AI kwimveliso yeendaba kwihlabathi nakuMzantsi Afrika.
"Akunakunceda ukubaleka ukungenelela kweAI, eyona nto iphambili kukuqeqeshwa kwabantu nangona kusenzeka utshintsho yonke imihla ngokumayela nolwazi lweAI, oku kunganceda ukuba iintatheli ziqonde kakuhle indlela esebenza ngayo iAI," kutsho uNjingalwazi Nkoala.