UAndile 'Ace' Ncobo kunye nenkosikazi yakhe uSalome ngethuba bevela kwinkundla kamantyi yaseBellville ngoMvulo.
Image: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers
UManejala Jikelele wePremier Soccer League (PSL) nowayesakuba ngusompempe uAndile 'Ace' Ncobo ukhuphe ingxelo emva kokuvela kwakhe enkundleni nenkosikazi yakhe, uSalome Ncobo, esithi abakaze babandakanyeke kulo naluphi na ulwaphulomthetho kuzo zonke iiprojekthi ezenziwe yinkampani yabo.
Esi sibini sivele kwinkundla kamantyi yaseBellville ngentseni yangoMvulo ngezityholo zobuqhophololo nokuxhaphaza imali enxulunyaniswa nezigidi zeerandi zeprojekthi ekwiphondo leMpuma Koloni.
UNcobo ubhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano: "Nangona sikholelwa ukuba olu lutshutshiso olunolunya, siyasamkela isigqibo seNPA sokuqhuba umsebenzi wayo ngokomgaqosiseko ngaphandle komkhethe.
"Siyayibulela imiyalezo yenkxaso kwaye sinqwenela ukuqinisekisa usapho lwethu, abahlobo kunye noluntu olusixhasayo ukuba inkxaso yabo siyayixabisa. Asizange sizibandakanye nakwesiphi na isenzo solwaphulomthetho kuzo zonke iiprojekthi ezenziwe yinkampani yethu.
"Zonke iiprojekthi esikhethelwe ukuba sizenze zagqitywa kwangethuba nangeyona migangatho iphezulu. Iprojekthi eyinxalenye yeli tyala sisikolo esasakha phantse kwiminyaka engamashumi amabini edlulileyo. Isemi njengebhongo lolo luntu."
Uqhubekile uNcobo wathi banentembelo epheleleyo kwinkqubo yezobulungisa yelizwe, kwaye bayayazi ukuba inkundla iza kubona ngokwayo ukuba lo mba bekungamelanga usiwe phambi kwenkundla kwasekuqaleni.
Ecacisa eli tyala, isithethi samapolisa uWarrant Officer Zinzi Hani uthe, kuvakala ingxelo yokuba uNcobo nenkosikazi yakhe batyholwa ngokuqhatha iPetroSA besithi isikolo iGangatha Junior Secondary School (JSS) sidinga inkxasomali yeziseko zophuhliso.
"Baye bangenisa izindululo ezixhaswa ngamaxwebhu (trust deeds) omgunyathi namaxwebhu abaxhasi, belahlekisa besenza ngokungathi iGangatha Projects, neliqumrhu elingabhaliswanga, lijelo elisemthethweni lophuhliso lwesikolo.
"Njengoko iPetroSA yayixhomekeke kula maxwebhu, yahlawula izigidi ezilishumi elinesithathu zeerandi (R13 million) kwiGangatha JSS. Uxwebhu olunxulunyaniswa neKing’s Gangatha Building Trust lalungabhaliswanga kwaye utyikityo kutyholwa ukuba lububuxoki.
"Iakhawunti yebhanki yeGangatha Projects, elawulwa ngumrhanelwa, ifumene malunga nezigidi ezilishumi elinesithathu zeerandi (R13 million). Iqhinga laphunyezwa ngokungeniswa kwamaxwebhu abubuxoki, ukuyilwa kwamaziko abubuxoki okanye angabhaliswanga, kunye nokufumana imali ngeeakhawunti zobuqu," utshilo uHani.
UNcobo ucele ukuba anikwe ixesha lokujongana nalo mba.
Kungoku nje uNcobo ungaphandle ngebheyile yeR50 000, ngelixa unkosikazi wakhe uSalome engaphandle ngebheyile yeR30 000. Ityala lihlehliselwe umhla wama29 kuCanzibe 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.