Balishumi elinesihlanu ababhubhileyo kwaye abahlanu bonzakala kwingozi eyenzeke eMpuma Koloni.
Image: Shutterstock
Balishumi elinesihlanu (15) bebonke abantu ababhubhileyo ze abanye abahlanu (5) bonzakala ngokumasikizi kwingozi yemoto ebiphakathi kweteksi yohlobo lweQuantum ebigcwele kunye nebakkie yeIsuzu kuhola wendlela uR63 phakathi kweAdelaide naKwaMaqoma (eyayibizwa ngokuba yiFort Beaufort) eMpuma Koloni.
Isithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthi umqhubi webakkie ubhubhele kwindawo yexhwayelo kwakunye nabakhweli abalishumi elinesithathu (13) beQuantum. Abathandathu (6) babalekiselwe esibhedlele, omnye kubo wabhubha ngenxa yokonzakala kwakhe – oku kwenze inani labantu ababhubhileyo lafikelela kwishumi elinesihlanu (15).
UBinqose uyichaze le ngozi ‘njengeyeyona inabantu abaninzi ababhubhileyo’ esele ibonwe kwisithuba esingangonyaka kweli phondo. "Abantu abalishumi elinesihlanu (15) babhubhile kwingozi enye, le ngozi yenzeke kuhola wendlela uR63 phakathi kweMaqoma neAdelaide phakathi kweteksi ebikhwelise abantu baseQonce ebisingise eKapa ngethuba intlithana okweenkunzi zegusha nebakkie yeIsuzu."
Abo babhubhileyo, isibhozo (8) ngamadoda, abathandathu (6) ngabasetyhini kwaye omnye yintombazana encinci.
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu ephondweni, uXolile Nqatha uthumele amazwi ovelwano kwiintsapho zabo basweleke kule ngozi.