Iindaba

Izigxeko zeKomishini ecetywa nguRamaphosa

Siyabulela Mqikela|Published

Isicwangciso sikaCyril Ramaphosa sokuseka iKomishini eza kuphanda iTRC siyagxekwa.

Image: Lori Waselchuk/Gallo Images

INjingalwazi edla umhlalaphantsi uNjingalwazi Mamphela Ramphele uthi ukumiselwa kweKomishini eza kuphanda umsebenzi weKomishini yeNyaniso noXolelwaniso (TRC) yintsomi nje ejolise ekumosheni imali yoluntu. 

Oku kusemva kokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa edize ukuba uza kumisela iKomishini eza kuphanda ngokulibaziseka kokuqhutyelwa phambili kwezigqibo neziphakamiso zeKomishini yeNyaniso noXolelwaniso. 

IKomishini yeNyaniso noXolelwaniso yasungulwa ngeenjongo zokubhentsisa amabibi ayesenziwa ngurhulumente wobandlululo wamabhulu. URamaphosa uthi ufuna kukhangelwe ukuba ingaba isuka phi imiqobo ebangela ukuba kungenziwa iziphakamiso zale Komishini.

"Ndinamathandabuzo kakhulu ngeenjongo zale Komishini, urhulumente weANC umisele iiKomishini ezininzi kakhulu eziquka iKomishini kaJaji Zondo, loo Komishini isityele imali engaphezu kwebhiliyoni yeerandi," kutsho uRamphele. Uthi uRamaphosa akakaqalisi ukwenza iziphakamiso zeKomishini kaZondo, koko ufuna ngoku kumiselwe enye iKomishini. 

"YayiyiANC eyalayo ngexesha likaThabo Mbeki ukukhululwa kwengxelo yeKomishini yeNyaniso noXolelwaniso, ngoko ke kuninzi ekumele sikuqwalasele ngoku xa kusithwa makumiselwe iKomishini eza kuphanda ngokulibaziseka kweziphakamiso zeKomishini yeNyaniso noXolelwaniso."

Umbutho wabasebenzi iSouth African Federation of Trade Unions (SAFTU), ngomlomo wesithethi sawo uNewton Masuku, uthi urhulumente kaRamaphosa makaqale ukuqhubela phambili neziphakamiso zeKomishini yeNyaniso noXolelwaniso endaweni yokuseka enye iKomishini.

"Zininzi iiKomishini ezisungulwe ngulo rhulumente, kodwa kuncinci okwenzekileyo okuhambelana nezi Komishini, ngoko ke siyakuchasa oku kucetywa nguRamaphosa," kutsho uMasuku.

UMasuku ubalule iziphakamiso zeKomishini kaZondo kwakunye nezo zeKomishini yaseMarikana.