UReenyl Morrison onguManejala weSebe lakwaShoprite Mdantsane City.
Image: Uthunyelwe
Ngamanye amaxesha icandelo lomsebenzi sisigqibo esenziwa kwasebuntwaneni, kodwa uhambo lukaReenyl Morrison kwicandelo lokuthengisa luyinto ekhethekileyo. Wayengaphangeli ehleli endlini ezikhulisela abantwana bakhe ababini ejonge ikhaya, ukuphaphama kwakhe waye waqalisa ukusebenza kwaShoprite Nahoon eMonti ngo2002, nalapho wonyukela phezulu esuka kwisikhundla sethutyana sokuba nguMncedisi Jikelele ukuya kuba nguManejala weSebe lakwaShoprite Mdantsane City, konke oku kungenxa yokukhuthala nokuzimisela kwakhe.
Ekhuthazwa ngumyeni wakhe, owayesebenza njengomntu oqinisekisa ukuba kukho inani elichanekileyo leemveliso evenkileni, uMorrison wazifumana engaphakathi kwishishini awayengazange alicinge ngaphambili. Nangona kunjalo, umdla wakhe odityaniswe nenkangeleko yokusebenza ngamandla yamvumela ukuba ajongane nobunzima boshishino lokuthengisa ngokukhawuleza.
Akuzange kube kudala ngaphambi kokuba atshintshe ekubeni ngumsebenzi wasethilini waya kuba ngunobhala waseMoney Market waza ekugqibeleni waya kwiofisi yemali – konke oko kwenzeka kunyaka wakhe wokuqala.
Ingxelo ka-Angelique Wagner wakwaShoprite ithi eqhutywa ngumnqweno wokukhula, uMorrison wafaka isicelo sesikhundla esitsha ngethuba ubuchwephesha bokuskena ibhakhowudi baqala ukuziswa kwiivenkile ezinkulu.
"Njengoko wayegqwesa koku, wathabatha inyathelo waba ngumqeqeshi ozityumbileyo ngokungekho sikweni, esabelana ngobuchule nezinye iivenkile enceda abasebenzi bazo ukuba baphumelele. Oku kuhambela phezulu kukaMorrison kwamenza wafumana indawo kwinkqubo yoqeqesho kulawulo kwaShoprite ebizwa ngokuba yiTrainee Management Programme," utshilo uWagner ophuma kwiSebe lezoBudlelwane noNxibelelwano kwaShoprite.
Le nkqubo yasebenza njengesiseko sokunyuselwa kwakhe okwalandelayo, njengoko nobuchule bakhe baqatshelwa, waye wanyukela waba nguMphathi woLawulo kwaye kamva kwizikhundla zoMphathi weNtengiso. Namhlanje, uMorrison ubambe isikhundla sokuba nguManejala weSebe kwaShoprite kudederhu lweevenkile eMdantsane City, nto leyo engqina ukuzimisela ukwenza umsebenzi ogqwesileyo nokuzinikela kwakhe ekwaneliseni abathengi.
"Akukho nto inomvuzo ngaphezu kokwazi ukuba wenze usuku lomntu lube ngcono," kutsho uMorrison.
Uqhube wathi, "Kwishishini lokuthengisa, yonke imihla yahlukile, kwaye ukuhlala unethemba kubalulekile."
Injongo kaMorrison kukuba abe nguMphathi omkhulu wengingqi, iRegional Administration Manager. Ibali lakhe libubungqina bamathuba akhoyo kwishishini lokuthengisa kwabo bazimisele ukusebenza nzima.