Iindaba

Imizimba emihlanu efunyenweyo iquka naleyo yamapolisa ebelahlekile

Cwayita Nondula|Published

Kufunyenwe imizimba emihlanu eHennops River, ePitoli, emithathu kule mizimba yeyamapolisa ebelahlekile.

Image: Timothy Bernard

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, uqinisekise ukuba imizimba yamapolisa amathathu ebelahlekile ibiphakathi kwemizimba emihlanu efunyenwe kumlambo iHennops eCenturion, ePitoli.

Amalungu ecandelo lokukhangela nokuhlangula ebekhangela umlambo iHennops ekhangela imizimba ngethuba efumana le mizimba.

La mapolisa mathathu, uBoipelo Senoge (20), uCebekhulu Linda (24) kunye noKeamogetswe Buys (30) bagqityelwe eGauteng ezinzulwini zobusuku ngoLwesine weveki ephelileyo, phambi kokuba baduke ngendlela engaqondakaliyo. Bebesuka eFreyistata, bedlula eGauteng besingise eLimpopo.

Ngokweengxelo, imizuzu nje emva kokuphuma kwisikhululo sokotha amafutha, isixhobo samapolisa sokulandela umkhondo wesithuthi kunye neefowuni zacinywa.

UMasemola uqinisekisile ukuba kufunyenwe imizimba emibini kuqala kwaye ukukhangelwa kwamapolisa alahlekileyo kuye kwarhoxiswa ngoMvulo ngethuba kubamnyama kakhulu kwaye kwaqaliswa kwakhona kusasa ngoLwesibini.

"Ngale ntsasa, kufunyenwe umzimba wesithathu ekukholelwa ukuba ngokaConstable Linda. Siphinde safumana umzimba wesine omoshakeleyo, sisazama ukuqonda ukuba ngubani lo mntu. Emva kwenjikalanga, sifumene umzimba wesihlanu kaConstable Buys," utshilo uMasemola.

Iintsapho zala mapolisa zibonile kwaye zaqinisekisa le mizimba yala mapolisa.

Kuthiwa amapolisa asakhangela imoto yohlobo lweVW Polo ebihamba la mapolisa mathathu.

Emva kwemini namhlanje, uSekela Mkomishinala wamaPolisa kuzwelonke weCrime Detection, uLieutenant General Shadrack Sibiya uthe ukungafumaneki kwemoto kuyaxhalabisa kakhulu.

"Ngokucacileyo, asifuni kuthetha kakhulu ngoxa iintsapho zingekafiki. Kungenjalo, baza kufunda ezinye zezinto kumajelo eendaba, nto leyo eneneni eza kuba mbi," utshilo uSibiya ngethuba ethetha noonondaba emva kwemini.