Amapolisa aphanda ukubulawa kwabantu abathathu KwaDwesi eNelson Mandela Bay.
Image: Pexels
Amapolisa akwicandelo iProvincial Serious and Violent Crimes elizinze eGqeberha aphanda ngokubulawa kwabantu abathathu ngoMgqibelo umhla we26 kuTshazimpuzi 2025 KwaDwesi.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, kutyholwa ukuba malunga nentsimbi ye-09h45, isikhululo samapolisa saKwaDwesi siphendule kwisikhalo sokudubula okwenzeke kwisitalato iLixolilizwe, KwaDwesi Extension, kwirenki yeeteksi.
UJanse Van Rensburg uthi ekufikeni kwabo bafumene imizimba yamadoda amathathu aphakathi kweminyaka engama21 ukuya ku23 enamanxeba amaninzi okudutyulwa emzimbeni.
"Akukho lwazi lungaphaya olukhoyo okwangoku. Kwavulwa amatyala amathathu okubulala, kwaye uphando luyaqhuba. Amagama abangasekhoyo aza kukhutshwa kuphela xa sele bechongiwe ngokusesikweni," utshilo uJanse Van Rensburg.
Amapolisa abongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi malunga nezi ziganeko zokubulala atsalele umcuphi uD/Lt Col Mondi Sitole ku-082 457 2812 okanye atsalele iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Abantu banokuthumela imiyalezo ngaphandle kokuchaza amagama abo ngeMySAPS App. Zonke iinkcukacha ziyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.