Iindaba

USenzo Mchunu uxolisile kwinqununu yaseMatatiele emva kokugrogriswa yiAfri-forum

Pedro Mapelo|Published

UMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, uxolisile kwinqununu yaseBergview College, eMatatiele.

Image: Facebook

UMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, uzithobile ngelithi uza kulicela uxolo kwinqununu yesikolo saseMatatiele. Oku kuza emva kokuba uMchunu wavakala njengosola inqununu njengomntu owayerhaneleka ngokonzakalisa umntana oneminyaka esixhenxe eBergview College.

Bekukho isankxwe eMzantsi Afrika kwiiveki ezigqithileyo ngenxa yokungaphandwa kwetyala lentombazana encinane ekuthiwa yadlwengulwa eBergview College, eMatatiele - apho ibifunda khona. Ityala kuthiwa lavulwa ekuthambekeni konyaka ophelileyo - kodwa zange kubekho nkqubela.

Abantu abaninzi basola inqununu emva kodwa yangenelela iAfri-forum ngelithi phambi kokuba isolwe, amaPolisa makachaze ukuba inqununu ingumrhanelwa na. Okwaye kwacaca kukuba amaPolisa zange awuphande nzulu umba wokudlwengulwa komntana.

Emva kotyelelo lukaMchunu kwidolophi yaseMatatiele - apho wathetha nabantu ababesola amaPolisa angazange awenze kakuhle umsebenzi, iAfri-Forum yamtyityimbisela umnwe umphathswa ngelithi makarhoxise amazwi awayesenza inqununu ibonale ngokungathi yiyo eyonzakalise umntana kungekho bungqina obuxhasa intetho yakhe.

Emva kweeveki eziliqela, uMchunu uthe uza kuxolisa kwinqununu yesikolo saseMatatiele kwisibhilivana sencwadi ayibhalele iAfri-forum. Uvumile ukuba inqununu yenziwa umrhanelwa ngendlela engalunganga kwintyala lomntana owadlwengulwayo.

Kuphele iiveki abantu baseMzantsi Afrika beqhankqalazela ukungaphandwa kakuhle kweseshlo ekuye kwanyanzeleka ukuba kuqalwe phantsi uphando emva kokungafumaneki kobungqina kuvavanyo lwencindi olwathatha kubantu abathile abasendeleyo emntaneni.

USenzo Mchunu uxolisile kwinqununu yaseMatatiele emva kokugrogriswa yiAfri-forum