Iindaba

URamaphosa noTrump baza kulungisa ezidl' umzi kungekudala!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli wase-Ukraine, uVolodymyr Zelensky noMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, bethetha neentatheli izolo ePitoli.

Image: GCIS

Emva kweenyanga ezine zokwaphuka kobudlelane phakathi koMzantsi Afrika neMelika (USA), kukho ithemba lokulunga kwezinto. Oku kucace emva kokuba uMongameli uCyril Ramaphosa ebhengeze kwikhasi lonxibelelwano ekuthiwa nguX (uTwitter kwaninzi) ukuba ebekhe wathetha noMongameli uDonald Trump emnxebeni.

UMongameli woMzantsi Afrika uphinde wakuthetha oku ngethuba esamkela ngokusesikweni uMnu. uVolodymyr Zelensky, onguMongameli wase-Ukraine, obekutyelelo lwaseburhulumenteni izolo. Phakathi kwezinto inkokeli yoMzantsi Afrika neyaseMelika ezithethe ngazo kukungciba iintanda ezivuleke kakhulu kwiinyanga ezidlulileyo nangemfazwe eneminyaka emithathu ephakathi kwe-Ukraine neRussia.

"Namhlanje ndithethile noMongameli waseMelika, uMnu. Donald Trump ngeenzame zokwakha uxolo e-Ukraine. Sobabini sivene ukuba kufuneka iphele imfazwe. Siphinde sathetha ngokuphucula intsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika neMelika kwakhona," utshilo uRamaphosa izolo ePitoli.

Kwiinyanga ezidlulileyo, uMzantsi Afrika ubusisisulu sohlaselo kumakhasi onxibelelwano. Emva kokuxelelwa ubuxoki ziinkokeli zeAfri-Forum ezathi amaBhulu ayabulawa eMzantsi Afrka nomhlaba wawo uyoxuthwa nguRhulumente. UTrump no-Elon Musk babhala izinto ezingekhoyo ngoMzantsi Afrika ixesha elide.

Bekungacaci kakuhle ukuba yintoni abayifunayo. Ezo ngxaki zifike uMzantsi Afrika ungenamkhitha ncam eMelika ngenxa yokumangalela uSirayeli osabulala abantu kwimfazwe eqhubekayo eGaza. Ngenxa yalo nto, kwagxothwa unozakuzaku woMzantsi Afrika, uMnu. Ebrahim Rasool, kwinyanga ephelileyo emva kokuba wenza intetho engazange inyamezeleke kwiinkokeli zaseMelika.

Okonyanzela kakhulu ukuba uRamaphosa asukume kukuba iMelika ihlaziya inkqubo yayo yorhwebo namanye amazwe ehlabathi. IMelika ibhengeze ukuba uMzantsi Afrika uza kubhatala irhafu ephezulu xa iimveliso zawo zingelna kwimakhethe yaseMelika. Okwangoku akukacaci ukuba uRamaphosa noTrump baza kudibana nini.

URamaphosa noTrump baza kulungisa ezidl' umzi kungekudala!