Iindaba

URamaphosa ukhangela iSekela leJaji eyiNtloko

Siyabulela Mqikela|Published

UMongameli Cyril Ramaphosa ukhangela umntu oza kubamba isikhundla sikaSekela Jaji oyiNtloko.

Image: Itumeleng English / Independent Media

UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa utyumbe amagama eeJaji ezine ekuza kukhethwa kuzo iJaji eza kuba nguSekela weJaji oyiNtloko kweli uMandisa Maya.

Esi sikhundla sisele singenabani emva kokuba uJaji uMandisa Maya enyukele ngasentla kwisikhundla sokuba yiJaji eyiNtloko.

Igama likaJaji uDunston Mlambo liphakathi kwamagama athe atyunjwa nguRamaphosa kwiphulo lakhe lokukhangela iSekela leJaji eyiNtloko kweli. 

UJaji Mahube Molemela naye uphakathi kweeJaji eziza kunikwa ithuba lokuba zichaze ukuba kutheni zinokutyunjelwa kwesi sikhundla sikaSekela Jaji oyiNtloko kweli. 

IJaji eyiNtloko kwiphondo laseFreyistata uJohn Musi naye uphakathi kwabo baza kunikwa ithuba lokuzithethelela ukuze angene kwesi sikhundla ukuba kufanelekile. 

Ukanti iJaji eyongamele iinkundla zephondo laseMntla Koloni uJaji uPule Tlaletsi naye utyunjiwe kwabo baza kunikwa ithuba lokungena kolu khuphiswano.

Olu luhlu luza kusetyenziswa ngokuhambelana nesolotya 174 nesolotya lesithathu ngokomgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika.

Oku kwenzeka logama iJaji eyiNtloko eMpuma Koloni, uJaji uSelby Mbenenge, ejongene nezityholo zesincwaso ngakumsebenzi weofisi yakhe. Eli tyala lisaphuma lingena kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho ngelizama ukuqinisekisa ukuba uMbenenge unalo ityala okanye akanalo kusinina.